YouVersion Logo
Search Icon

IMIZEKELISO 27

27
1Musa ukuqhayisa ngemini yangomso;
Kuba akukwazi okuya kuzalwa yimini.
2Mawudunyiswe ngomnye, ingabi ngowakho umlomo;
Mayibe nguwumbi, ingabi yeyakho imilebe yomlomo.
3Linzima ilitye, ingumthwalo intlabathi;
Ke yona ingqumbo yesimathane inzima kunezo nto zombini.
4Ubujorha bunobushushu, umsindo sisiphango;
Nekhwele, ngubani na onokuma phambi kwalo?
5Kulungile ukohlwaywa ekuhléni
Ngaphezu kothando olusitheleyo.
6Akholekile amanxeba omhlobo;
Kodwa yingxungxu ukwanga kotshaba.
7Umphefumlo ohluthiyo ugqusha incindi yobusi;
Umphefumlo olambileyo, yonke into ekrakra imnandi kuwo.
8Njengentaka ephekuziweyo endlwini yayo,
Injalo indoda ephekuziweyo ekhayeni layo.
9Ioli nesiqhumiso sivuyisa intliziyo,
Kwanobumnandi bomhlobo obuphuma ekucebiseni komphefumlo.
10Musa ukumlahla umhlobo wakho nomhlobo kayihlo;
Ungangeni endlwini yomzalwana wakho ngemini yokusindeka kwakho;
Úlungile ummelwane okufuphi, kunomzalwana okude.
11Yiba nobulumko, nyana wam, uyivuyise intlizyo yam;
Ukuze ndimphendule ngezwi ondingcikivayo.
12Onobuqili uyabubona ububi, azímele;
Ke zona iziyatha zigqitha kubo, zohlwaywe.
13Thabatha ingubo yakhe omele omnye;
Ménze isibambiso ngenxa yezinto zasemzini.
14Osikelela ummelwane wakhe ngezwi elikhulu, evuka kwakusasa,
Kubalelwa ekuthini uyamtshabhisa.
15Uqhoqhozo oluxikileyo mini ngemvula,
Nomfazi onengxabano, kuyafana;
16Omnqandayo, unqanda umoya;
Isandla sakhe sokunene sihlangabezene neoli.
17Isinyithi silola isinyithi,
Indoda ilola ubuso bowayo.
18Olondoloza umkhiwane wodla isiqhamo sawo;
Ogcine inkosi yakhe wozukiswa.
19Emanzini, ubuso buyelelene nobuso;
Injalo intliziyo yomntu kumntu.
20Elabafileyo nenzonzobila azinakuhlútha,
Namehlo omntu akanakuhlútha.
21Ukhamba lolokunyibilikisa isilivere, iziko lelokunyibilikisa igolide,
Nendoda iya ngokokudunyiswa kwayo.
22Nokuba uthe wasingqusha isimathane esingqushweni phakathi komngqusho ngentonga yokungqusha,
Akuyi kusuka kuso ukumatha kwaso.
23Khuthalela ukubazi ubume bempahla yakho emfutshane,
Yibhekise intliziyo yakho emihlambini yakho.
24Ngokuba ayingonaphakade ingqwebo;
Nesithsaba sesezizukulwana ngezizukulwana, yini na?
25Sithe tshabalala nje isikhotha, kuvela uhlaza,
Ihlanganisiwe imifuno yeentaba:
26Amatakane ngawokukwambesa,
Ixabiso lentsimi ziinkunzi zeebhokhwe;
27Amasi eebhokhwe alingene ukudla kwakho, nokudla kwendlu yakho,
Nokuphila komthinjana wakho.

Currently Selected:

IMIZEKELISO 27: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy