YouVersion Logo
Search Icon

UMATEYU 20

20
Umzekeliso wabaqeshwa esidiliyeni
1Kuba ubukumkani bamazulu bufana nomntu ongumninindlu, owaphuma ekuseni, waya kuqesha abasebenzi bokuya esidiliyeni sakhe. 2Akuvumelana nabasebenzi ngedenariyo• ngemini, wabathuma esidiliyeni sakhe. 3Ephume malunga nelixa lesithathu wabona abanye bemi endaweni yembutho bengasebenzi. 4Wathi nakwabo, Hambani nani niye esidiliyeni, ndoninika okusukuba kufanelekile. Bahamba ke baya. 5Wabuya waphuma malunga nelixa lesithandathu nelesithoba, wenza kwangokunjalo. 6Ephumile ke malunga nelixa leshumi elinanye, wafumana abanye bemi bengasebenzi; athi kubo, Yini na ukuba nime apha imini iphela ningasebenzi? 7Bathi kuye, Akukho bani usiqeshileyo. Athi kubo, Hambani nani niye esidiliyeni; niya kwamkela okusukuba kufanelekile.
8Kwakuhlwa, uthi umninisidiliya egoseni lakhe, Babize abasebenzi, ubamkelise, uqala kwabokugqibela ude uye kwabokuqala. 9Bezile abo bebeqeshwe malunga nelixa leshumi elinanye, bamkela elowo idenariyo.
10Ke kaloku bakuza abokuqala, baba baya kwamkela into engaphezulu; nabo bamkela elowo idenariyo. 11Beyamkele ke, bamrokrela umninindlu, 12besithi, Aba bokugqibela basebenzé ilixa lalinye, usuke wabalinganisa nathi, thina sithwele ubunzima nobushushu bemini. 13Waphendula ke yena wathi komnye wabo, Wethu, andikoni; ubungavumelananga nam ngedenariyo yini na? 14Thabatha okwakho uhambe; ndithanda ukumnika lowo wokugqibela kwanjengoko ndikunike ngako. 15Akuvumelekile na ukuba ndenze endikuthandayo ngokukokwam? Iliso lakho likhohlakele na, ngokuba ndílungile mna? 16Ngokunjalo abokugqibela baya kuba ngabokuqala, nabokuqala, baya kuba ngabokugqibela; kuba baninzi ababiziweyo, ke bambalwa abanyuliweyo.
UYesu okwesithathu uxela kwangaphambili ukufa kwakhe
(UMarko 10:32-34; uLuka 18:31-34)
17Ke kaloku enyuka uYesu esiya eYerusalem, wabathabatha abafundi abalishumi elinababini babodwa endleleni, wathi kubo, 18Niyabona, siyenyuka siya eYerusalem, waye uNyana woMntu eya kunikelwa kubo ababingeleli abakhulu nababhali. 19Baya kumgweba ukuba afe, bamnikele kuzo iintlanga ukuba zidlale ngaye, zimtyakatye, zimbethelele emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.
Isicelo soonyana bakaZebhedi
(UMarko 10:35-45)
20Ngelo xesha kweza kuye unina woonyana bakaZebhedi, enoonyana bakhe, equbuda, ecela into kuye. 21Wathi ke yena kuye, Uthanda ntoni na? Athi kuye, Yitsho baze aba nyana bam bobabini bahlale, omnye ngasekunene kwakho, omnye ngasekhohlo, ebukumkanini bakho. 22Uphendule ke uYesu wathi, Aniyazi into eniyicelayo. Ninako na ukuyisela indebe endiza kuyisela mna, nibhaptizwe ngobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna? Bathi kuye, Sinako. 23Athi kubo. Okunene indebe yam niya kuyisela, nobhaptizo endibhaptizwa ngalo mna niya kubhaptizwa kwangalo; kodwa kona ukuhlala ngasekunene kum, nangasekhohlo kum, asikwam ukupha ngako; kophiwa abo kulungiselwe bona nguBawo.
24Bekuvile ke oko abalishumi, babacaphukela abo bazalwana bobabini. 25Ke kaloku uYesu, ebabizele kuye, wathi, Niyazi ukuba abaphathi beentlanga bayazigagamela, nâbò bazizikhulu benza ngegunya kuzo. 26Ze kungabi njalo ke phakathi kwenu nina; osukuba enga angaba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumlungiseleli wenu; 27nosukuba enga angaba ngowokuqala phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu; 28kwanjengokuba uNyana woMntu engezanga kulungiselelwa; weza kulungiselela, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.
Iimfama ezimbini zaseYeriko
(UMarko 10:46-52; uLuka 18:35-43)
29Bakubon' ukuba bayaphuma eYeriko, walandelwa yindimbane enkulu. 30Nanko kuhleli iimfama zímbini ngasendleleni; zathi, zakuva ukuba kudlula uYesu, zadanduluka, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide. 31Ke kaloku indimbane yazikhalimela ukuba zithi tu; kwaba kukhona ke zidandulukayo, zisithi, Senzele inceba, Nkosi, nyana kaDavide.
32Wema uYesu, wazibiza wathi, Ninga ndinganenzela ntoni na? 33Zithi kuye, Nkosi, ukuba kuvulwe amehlo ethu. 34Wasikwa ke yimfesane uYesu, wawachukumisa amehlo azo; zaba nokubona kwaoko ngamehlo azo, zamlandela.

Currently Selected:

UMATEYU 20: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy