YouVersion Logo
Search Icon

UMATEYU 13

13
Umzekeliso womhlwayeli
(UMarko 4:1-20; uLuka 8:4-15)
1Ke kaloku, kwangaloo mini waphuma uYesu endlwini, waya wahlala ngaselwandle. 2Kwahlanganisana kuye abantu abaninzi, wada yena wangena emkhombeni, wahlala phantsi; zathi zonke izihlwele zema elunxwemeni.
3Wathetha kubo iindawo ezininzi ngemizekeliso, esithi, Yabonani, umhlwayeli waphuma waya kuhlwayela. 4Ekuhlwayeleni kwakhe inxalenye yeenkozo yawa ngasendleleni, zeza iintaka zayidla zayigqiba. 5Ezinye ke zawa ezindaweni ezilulwalwa, apho bezingenamhlaba mninzi; zaphuma ke kwaoko, ngenxa yokuba bezingenabunzulu bamhlaba; 6zathi ke lakuphuma ilanga zatsha, zaza ngenxa yokuba zingenangcambu zoma kwaphela. 7Ezinye ke zawa emithaneni enameva, yaza imithana enameva yakhula yaziminxa. 8Ezinye ke zawa kuwo wona umhlaba omhle, zanika iziqhamo, olunye lwanika ikhulu, olunye amashumi amathandathu, nolunye amashumi amathathu. 9Lowo uneendlebe zokuva makeve.
10Beza abafundi bathi kuye, Kungani na ukuba uthethe kubo ngemizekeliso? 11Waphendula ke wathi kubo, Kungokuba nikuphiwe nina ukuzazi iimfihlelo zobukumkani bamazulu, babe ke bona bengakuphiwanga. 12Kuba osukuba enako, yena uya kuphiwa, aze abe nako ngokugqithiseleyo; kodwa osukuba engenako, uya kuhluthwa kwanoko anako. 13Ngenxa yoko ndithetha nabo ngemizekeliso; ngokuba bebona nje bengaboni, besiva nje bengeva, bengaqondi nokuqonda. 14Sizalisekele kubo ke isiprofeto sikaIsaya esithi,
Ukuva niya kuva, ningakhe niqonde;
Nithi nibona nje nibone, ningakhe niqiqe;
15Kuba intliziyo yaba bantu ithe fithi kukutyeba,
Beva ngeendlebe ezithe nkqi,
Bayawacima namehlo abo;
Hleze babone ngamehlo,
Beve ngeendlebe,
Baqonde ngentliziyo,
Bajike,
Ndibaphilise.
(UIsaya 6:9,10)
16Kodwa nina, anethamsanqa amehlo enu, ngokuba ebona; neendlebe zenu, ngokuba zisiva. 17Kuba ndithi kuni, Inene, baninzi abaprofeti nabantu abangamalungisa, abanqweneláyo ukuzibona izinto enizibonayo àbazibona; nokuziva izinto enizivayo, àbaziva.
18Nina ngoko wuveni umzekeliso womhlwayeli: 19akubon' ukuba ubani uyaliva ilizwi lobukumkani, engaliqondi, uyafika ongendawo, akuhluthe okuhlwayelwe entliziyweni yakhe; lo nguye lowo wahlwayelwa ngasendleleni. 20Lowo ke uhlwayelwa ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo; 21abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko. 22Lowo ke uhlwayelwe emithaneni enameva, ngulo ulivayo ilizwi, lithi ke ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo. 23Lowo ke uhlwayelwe kuwo umhlaba omhle, ngulo ulivayo ilizwi aliqonde; othi yena okunene axakathe iziqhamo; omnye ke enze ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomnye amashumi amathathu.
Umzekeliso womdiza
24Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufanekiswa nomntu owahlwayela imbewu entle entsimini yakhe. 25Kuthe ke, xa baleleyo abantu, lwafika utshaba lwakhe, lwahlwayela umdiza phakathi kwengqolowa, lwemka. 26Ithe ke yakudubula, yakuba neenkozo, wandula ukubonakala nomdiza. 27Bezile ke abakhonzi bomninindlu, bathi kuye, Nkosi, ubungahlwayelanga imbewu entle yini na entsimini yakho? Phofu iwuzuze phi na umdiza? 28Wathi ke kubo, Ngumntu olutshaba owenze le nto. Bathi ke abakhonzi kuye, Ùyathanda na ke ukuba siye siwubuthe? 29Uthe ke, Hayi; hleze nithi, xa niwubuthayo umdiza, nincothule nengqolowa kunye nawo. 30Yekani kukhule ndawonye kokubini, kude kube sekuvuneni; ngenxa ke lokuvuna ndothi kubavuni, Buthani kuqala umdiza, niwubophe ube zizithungu, utshiswe, kodwa yona ingqolowa yihlanganiseleni kuvimba wam.
Umzekeliso wokhozo lwemostade nowegwele
(UMarko 4:30-34; uLuka 13:18-21)
31Wababekela omnye umzekeliso, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana nokhozo lwemostade, awaluthabathayo umntu, waluhlwayela entsimini yakhe; 32lona loluncinane okunene kuzo zonke iimbewu; kodwa xa luthe lwahluma, luyayidlula imifuno ngobukhulu, lube ngumthi, ngokokude iintaka zezulu zize zihlale emasebeni awo.
33Wathetha omnye umzekeliso kubo, esithi, Ubukumkani bamazulu bufana negwele, awalithabathayo umfazi, walifihla ezilinganisweni• zozithathu zomgubo, wada wabaliswa uphela.
34Ezi ndawo zonke uYesu wazithetha ngemizekeliso kuzo izihlwele; akathethanga kungengamzekeliso kuzo; 35ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngomprofeti, esithi,
Ndiya kuwuvula ngemizekeliso umlomo wam,
Ndiya kukhupha izinto ezazifihliwe kwasekusekweni kwehlabathi.
(INdum. 78:2)
Inkcazo yomzekeliso womdiza
36Waza uYesu akuzindulula izihlwele wangena endlwini. Beza kuye abafundi bakhe, besithi, Sixelele umzekeliso womdiza wentsimi. 37Waphendula ke wathi kubo, Lo uhlwayela imbewu entle nguNyana woMntu; 38intsimi ke lihlabathi; imbewu ke entle ngoonyana bobukumkani abo; umdiza ke ngoonyana bongendawo; 39utshaba ke olwawuhlwayelayo wona nguMtyholi; ukuvuna ke kukupheliswa kwephakade eli; abavuni ke zizithunywa zezulu. 40Njengokuba ngoko ubuthwa umdiza, utshiswe ngomlilo, kuya kuba njalo ekuphelisweni kweli phakade. 41UNyana woMntu uya kuthuma izithunywa zakhe, zize zibuthe, zikhuphe ebukumkanini bakhe, zonke izikhubekiso, nabo benza okuchasene nomthetho; 42zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo. 43Aya kwandula ke amalungisa ukubengezela njengelanga ebukumkanini boYise wawo. Lowo uneendlebe zokuva makeve.
Umzelekeliso wentsimi enobutyebi, nowomrhwebi owafumana iperile enexabiso, nowomnatha
44Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nobutyebi obufihlwe entsimini, athe umntu akubufumana wabufihla; aze ngenxa yovuyo lwakhe aye athengise ngeento zonke anazo, ayithenge loo ntsimi.
45Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomrhwebi, efuna iiperile• ezintle; owathi ke akuyifumana iperile inye, 46exabiso likhulu, wemka waya wananisa ngeento zonke abenazo, wayithenga.
47Kanjalo ubukumkani bamazulu bufana nomnatha, owaphoswa elwandle, wahlanganisa kwiintlobo zonke; 48abathe wakuzala bawurholela elunxwemeni; ke bakuhlala phantsi, bazibuthela ezintle ezityeni, bazilahla ke ezimbi. 49Kuya kuba njalo ekuphelisweni kwephakade eli: ziya kuphuma izithunywa zezulu, zibakhethe abangendawo phakathi kwamalungisa, 50zibaphose ezikweni lomlilo; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.
51Athi kubo uYesu, Niziqondile na zonke ezi ndawo? Bathi kuye, Ewe, Nkosi. 52Wathi ke kubo, Ngenxa yoko, umbhali wonke ofundiselwe ebukumkanini bamazulu ufana nomntu ongumninindlu, orhola ebuncwaneni bakhe izinto ezintsha kwanezindala.
UYesu uyadelwa eNazarete
(UMarko 6:1-6)
53Kwathi, akuyigqiba uYesu le mizekeliso, wanduluka khona apho. 54Akufika kwelakowabo, wabafundisa endlwini yabo yesikhungu, ngokokude bakhwankqiswe bathi, Lo ubuzuze phi na obu bulumko, nale misebenzi yamandla? 55Lo asinguye na unyana wengcibi yokwakha? Unina akuthiwa na nguMariya? Nabazalwana bakhe asingooYakobi, noYose, noSimon, noYuda, yini na? 56Noodade bakhe àbakuthi apha bonke na? Uzizuze phi na phofu lo zonke ezi zinto? 57Baye bekhubeka kuye. Wathi ke uYesu kubo, Umprofeti akaswele mbeko, kungekhona kowabo, nakokwabo. 58Akenza misebenzi mininzi yamandla khona apho, ngenxa yokungakholwa kwabo.

Currently Selected:

UMATEYU 13: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy