YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 15

15
Umzekeliso wegusha elahlekileyo nedrarhima• elahlekileyo
1Ke kaloku, babesondela kuye bonke ababuthi berhafu naboni, ukuba bamve. 2Babekrokra ke abaFarisi nababhali, besithi, Lo wamkela aboni, adle nabo.
3Wathetha ke kubo lo mzekeliso, esithi, 4Nguwuphi na umntu kuni othi, enekhulu lezimvu, ize kulahleke enye kuzo, angazishiyi ezingamashumi asithoba anesithoba entlango, asinge kuleyo ilahlekileyo, ade ayifumane? 5Athi ke akuyifumana, ayibeke emagxeni akhe, evuya. 6Athi akufika ekhaya, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi kubo, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene imvu yam ebilahlekile. 7Ndithi kuni, ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo emazulwini ngomoni eba mnye oguqukayo, kunamashumi asithoba anesithoba amalungisa, angaswele nguquko.
8Kanjalo nguwuphi na umfazi eneedrarhima• zilishumi, ongethi, ukuba ithe yalahleka enye idrarhima, alumeke isibane, ayitshayele indlu, afune enyamekile, ade ayifumane? 9Athi akuyifumana, ababizele ndawonye abahlobo nabamelwane, esithi, Vuyisanani nam, ngokuba ndiyifumene idrarhima ebindilahlekile. 10Ngokukwanjalo ndithi kuni, kubakho uvuyo emehlweni ezithunywa zikaThixo ngomoni eba mnye oguqukayo.
Umzekeliso wonyana wolahleko
11Ke kaloku wathi, Umntu othile ube enoonyana ababini. 12Wathi omnci wabo kuyise, Bawo, ndínike isahlulo sempahla esilunge nam. Wababela imfuyo leyo. 13Kuthe kungekabi ntsuku zininzi, wahlanganisa into yonke unyana omnci, wesuka kwelakowabo, waya ezweni elikude; wathi khona apho wayichitha impahla yakhe ngentlalo yokuzibhubhisa. 14Akubon' ukuba udle konke, kwabakho indlala enzima kwelo zwe, waqala ukuswela naye. 15Waya wanamathela komnye kubemi belo zwe; wathi yena wamthumela emihlabeni yakhe, ukuba aye kwalúsa iihagu. 16Ubenqwenela ke ukusizalisa isisu sakhe ngeengxam ezabe zidliwa ziihagu; bekungekho mntu umphayo.
17Ke kaloku, akuba nokuziqonda, wathi, Kanene bangakanani na abaqeshwa bakabawo, ábadikwa zizonka; nanku ke mna ndiphela yindlala? 18Ndiya kusuka ndiye kubawo, ndithi kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho. 19Andisafanele kubizwa ngonyana wakho; ndénze ndibe njengomnye kubaqeshwa bakho. 20Wesuka weza kuyise.
Ke kaloku, akubon' ukuba usekude lee, uyise wambona, wasikwa yimfesane, wagidima, wawa entanyeni yakhe, wamanga. 21Wathi ke unyana kuye, Bawo, ndonile kuwo amazulu, nasemehlweni akho; andisafanele kubizwa ngonyana wakho. 22Uthe ke uyise kubakhonzi bakhe, Rholani ingubo ende, eyona intle, nimambathise, nifake umsesane esandleni sakhe, neembadada ezinyaweni zakhe. 23Nizise ithole, eliyá lityetyisiweyo, nixhele; sidle, sibe nemihlali. 24Ngokuba lo nyana wam ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa. Baqala ke ukuba nemihlali.
25Ke kaloku unyana wakhe omkhulu ebesentsimini; wathi xa azayo, wasondela endlwini, weva ukugwala nokududa. 26Wabizela kuye omnye kubakhonzi, wambuza ukuba zingaba ziyini na ezi zinto. 27Uthe ke yena kuye, Umninawa wakho ufikile; uyihlo ke uxhele ithole, eliyá lityetyisiweyo; ngokuba ebuye wamzuzu ephilile. 28Waqumba ke, akavuma nokungena.
Uphumile ke uyise wambongoza. 29Waphendula ke yena wathi kuyise, Uyabona, le minyaka ingakanana ndiyakukhonza, andizanga ndigqithe mthetho wakho; ukanti akuzanga undinike netakane eli, ukuze ndenze imihlali nezam izihlobo; 30kodwa xenikweni afikileyo lo nyana wakho, wayidlayo wayigqiba impilo yakho namahenyukazi, ùmxheléle ithole eliyá lityetyisiweyo. 31Uthe ke yena kuye, Mntwana wam, wena uhleli unam, nazo zonke izinto zam zezakho. 32Besimelwe kukuthi senze imihlali ke, sivuye; ngokuba umninawa wakho lo ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa.

Currently Selected:

ULUKA 15: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy