YouVersion Logo
Search Icon

ULUKA 12

12
1Phakathi koko, kuthe akubon' ukuba ahlanganisene ndawonye amawakawaka abantu, ngokokude banyathelane, waqala ukuthi kubafundi bakhe, Phambi kwako konke, lilumkeleni igwele labaFarisi, eliluhanahaniso. 2Akukho nto ke igqunyiweyo, engasayi kutyhilwa; nefihlakeleyo, engasayi kwaziwa. 3Ngenxa enokuba konke enikuthethe emnyameni, kuya kuviwa emhlotsheni; nenikuthethe endlebeni emagumbini, kuya kumenyezwa phezu kwezindlu.
Ofanele ukoyikwa
(UMat. 10:28-33)
4Ndithi ke kuni, zihlobo zam, Musani ukuboyika abo babulala umzimba, baze emva koko bangabi nanto yimbi bangayenzayo. 5Ndiya kunibonisa ke énomoyika; yoyikani lowo uthi emva kokubulala, abe negunya lokuphosa esihogweni. Ewe, ndithi kuni, Yoyikani yena lowo. 6Àbathengiswa ngeepeni ezimbini na oongqatyana abahlanu? Ukanti akukho namnye kubo olityelweyo emehlweni kaThixo. 7Kwaneenwele ezi zentloko yenu zibaliwe zonke; musani ukoyika ngoko, nibagqithile oongqatyana abaninzi nina.
8Ndithi ke kuni, Wonke umntu othe wandivuma phambi kwabantu, kwanoNyana woMntu uya kumvuma phambi kwezithunywa zikaThixo. 9Ondikhanyeleyo ke emehlweni abantu, wokhanyelwa emehlweni ezithunywa zikaThixo. 10Nomntu wonke oya kuthetha ilizwi elibi ngoNyana woMntu, woxolelwa; kodwa lowo unyelise uMoya oyiNgcwele, akasayi kuxolelwa.
11Xa sukuba ke benizisa ezindlwini zesikhungu, nakwizilawuli, nakwabanegunya, ize ningaxhaleli ukuba ningáziphendulela ngokunjani na, nangantoni na, nokuba ningáthethani na. 12Kuba uMoya oyiNgcwele uya kunifundisa ngalo elo lixa izinto enimelwe kukuthi nithethe zona.
Umzekeliso wesityebi esiswele ukuqonda
13Ke kaloku uthe ubani kuye endimbaneni, Mfundisi, yitsho kumzalwana wam, ahlulelane nam ilifa. 14Uthe ke yena kuye, Mntundini, ndimiswe ngubani na ukuba ndibe ngumahluli nomabi phakathi kwenu? 15Wathi ke kubo, Lumkani, nizilinde ngasekubaweni; ngokuba ubomi bomntu abumi ngabuninzi bempahla yakhe.
16Wathetha ke umzekeliso kubo, esithi, Umhlaba womntu othile osisityebi wachuma kakhulu; 17wayecamanga phakathi kwakhe, esithi, Ndiya kuthini na; ngokuba andinandawo ndiya kuzihlanganisela kuyo iziqhamo zam? 18Wathi, Nantsi into endiya kuyenza; ndiya kubawisa phantsi oovimba bam, ndakhe abangaphezulu kwabo; ndizihlanganisele khona zonke izilimo zam, nezinto zam ezilungileyo; 19ndithi kuwo umphefumlo wam, Mphefumlo, unezinto ezininzi ezilungileyo, ezibekelwe iminyaka emininzi; phumla, yidla, sela, yiba nemihlali. 20Uthe ke uThixo kuye, Msweli-kuqonda, ngobu busuku umphefumlo wakho uya kubizwa kuwe; ziya kuba zezikabani na ke ezo zinto uzilungisileyo? 21Únjalo lowo uziqwebela ubutyebi, engenabutyebi kuThixo.
Amaxhala obomi
(UMat. 6:25-34)
22Wathi ke kubo abafundi bakhe, Ngenxa yoko ndithi kuni, Musani ukubuxhalela ubomi benu, ngokuthi ningadla ntoni na; kwanomzimba, ngokuthi ningambatha ntoni na. 23Ubomi bukhulu kunokudla, nomzimba kunento yokwambatha.
24Qondani ngamahlungulu la, ngokuba akahlwayeli, akavuni; kuwo akukho qonga navimba, kanti noko uThixo uyawondla; nina nibeke phi na ke, ukuzigqitha iintaka! 25Nguwuphi na ke kuni onokuthi ngokuxhala ongèze ebukhulwini bakhe ikubhite• ibe nye? 26Ukuba ngoko aninako ukwenza neyona nto incinane, yini na ukuba nizixhalele ezinye? 27Qondani ngeenyibiba, ukuhluma kwazo; azibulaleki, azisonti nokusonta; ndithi ke kuni, Naye uSolomon, kubo bonke ubunewunewu bakhe, wayengavathanga nanjenganye yazo ezi.
28Ukuba ke ingca, leyo isendle, ethi namhla ibekho, ize ngomso iphoswe eziko, wenjenjalo uThixo ukuyambesa, wobeka phi na ke kuni, bantundini balukholo luncinane? 29Nani nize ningafuni ukuthi ningadla ntoni na, nisele ntoni na; 30kanjalo nize ningathingazi; ngokuba zonke ezo nto zingxanyelwe ziintlanga zehlabathi; uYihlo ke uyazi ukuba niziswele ezo zinto. 31Funani ubukumkani bukaThixo nina, zaye zonke ezo zinto ziya kongezelelwa kuni.
32Musani ukoyika, mhlambi mncinane; ngokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani. 33Thengisani ngeempahla zenu, nilize ngazo; zenzeleni iingxowa zemali ezingagugiyo, ubutyebi obungapheliyo emazulwini, apho kungasondeliyo sela, kungonakalisiyo nanundu; 34kuba apho bukhona ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.
Umzekeliso wabakhonzi abafunyanwa belindile
(UMat. 24:45-51)
35Mazibe zibhinqiwe izinqe zenu, nezibane zenu zivutha; 36nani nibe njengabantu abayilindileyo inkosi yabo, xeshikweni iya kubuya emsithweni; ukuze bathi, yakufika inkqonkqoze, bayivulele kwaoko. 37Banoyolo abo bakhonzi, eyothi yakufika inkosi, ibafumane belindile. Inene ndithi kuni, iya kubhinqa, ibangqengqise bona, ize isondele ibalungiselele. 38Nokuba ithe yeza ngowesibini umlindo wobusuku, nokuba ithe yeza ngowesithathu umlindo, yafika kunjalo, banoyolo abo bakhonzi.
39Kwazini ke oku, ukuba umninindlu ebesazi ukuba isela liza ngaliphi na ilixa, ange elindile, akayiyekela indlu yakhe igqojozwe. 40Nani ngoko yibani nilungile; ngokuba uNyana woMntu uza ngelixa eningalikhumbuleliyo.
41Wathi ke uPetros kuye, Nkosi, lo mzekeliso uwuthetha kuthi, uwuthetha kubo bonke, kusini na?
42Ithe ke iNkosi, Ngubani na ke elo gosa lithembekileyo, liqondileyo, eyothi inkosi ilimise phezu kwabendlu yayo, ukuze libanike umamkelo wabo wokudla ngexesha elifanelekileyo? 43Únoyolo loo mkhonzi eyothi, yakufika inkosi yakhe, imfumane esenjenjalo. 44Inene ndithi kuni, iya kummisa phezu kwayo yonke impahla yayo. 45Ukuba ke loo mkhonzi uthe entliziyweni yakhe, Inkosi yam iyalibala ukuza; aze aqale azibethe izicaka nezicakakazi, adle, asele, anxile: 46yofika inkosi yaloo mkhonzi ngemini angayilindeleyo, nangelixa angalaziyo, ize imnqumle kubini, immisele isabelo sakhe nabangathembekileyo.
47Yena ke loo mkhonzi, ubekwazi ukuthanda kwenkosi yakhe, àkalungisa, àkenza ngokuthanda kwayo, uya kutyatyulwa ngemivumbo emininzi; 48ke yena obengazi, wenza ke okufanele imivumbo, uya kutyatyulwa ibe mbalwa. Kubo bonke abanikwe okukhulu, kuya kufunwa okukhulu kubo; nakulowo kubekwe okukhulu kuye, kuya kubizwa okungaphezulu.
UYesu uzisa umlilo asuse uxolo ehlabathini
49Ndizé kuphosa umlilo ehlabathini; hayi, ukufuna kwam, ukunga unge useluphenjiwe! 50Kukho ke lubhaptizo ndifanele ukubhaptizwa ngalo; asikuko nokuba ndicinezelekile lude lufezeke. 51Niba ndizé kungenisa uxolo na ehlabathini? Ndithi kuni, Hayi, kanye ndizé kungenisa imbambano. 52Kuba kuya kuthi, kuthabathela kwalapha, kubekho abahlanu ndlwini-nye bebambene, abathathu bebambene nababini, nababini bebambene nabathathu. 53Kuya kubambana uyise nonyana, unyana noyise; unina nentombi, intombi nonina; uninazala nomolokazana, umolokazana noninazala.
Imiqondiso yamaxesha
54Wayesithi ke nakuzo izihlwele, Xa nithe nalibona ilifu liphuma entshonalanga, nithi kwaoko, Kuza isiphango; kusuke kube njalo. 55Naxa sukuba nibona umoya wasezantsi uvuthuza, nithi, Kuya kubakho ulophu; lusuke lubekho.
56Bahanahanisindini, niyakwazi ukuyicalula imbonakalo yomhlaba neyezulu; kungani na ke ukuba ningalicaluli lona eli xesha? 57Yini na ke ukuba nina ngokwenu ningakwahluli okububulungisa?
58Kuba xa uya nommangaleli wakho phambi komlawuli, yithi endleleni apho usebenze ukuthi uzikhulule kuye; hleze akurholele kumgwebi, aze umgwebi akunikele kumsila, umsila ukuphose entolongweni. 59Ndithi kuwe, Akusayi kukha uphume khona apho, ude uhlawule nemalanana yokugqibela.

Currently Selected:

ULUKA 12: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy