YouVersion Logo
Search Icon

ILEVITIKUS 18

18
Ukwalelwa kokugananwa okuthile nemithetho yobumsulwa
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, NdinguYehova, uThixo wenu. 3Ize ningenzi ngokokwenza kwelizwe laseYiputa, enibe nihleli kulo; ize ningenzi ngokokwenza kwelizwe lakwaKanan, endinisa kulo, ningahambi ngokwemimiselo yabo. 4Ze nenze amasiko am, nigcine imimiselo yam, nihambe ngayo. NdinguYehova, uThixo wenu. 5Nogcina imimiselo yam, namasiko am awothi umntu ozenzayo ezo nto aphile ngazo: ndinguYehova.
6Umntu ngomntu aze angasondeli nakwinye inyama yenyama yakhe, ukuba atyhile ubuzé bayo: ndinguYehova. 7Ubuzé bukayihlo, ubuzé bonyoko, uze ungabutyhili: ngunyoko lowo; uze ungabutyhili ubuzé bakhe. 8Ubuzé bomkayihlo uze ungabutyhili: bubuzé bukayihlo obo. 9Ubuzé bodade wenu, intombi kayihlo, nokuba yintombi kanyoko, izalelwe ekhaya, nokuba izalelwe emzini, uze ungabutyhili ubuzé bayo. 10Ubuzé bentombi yonyana wakho, nobentombi yentombi yakho, uze ungabutyhili ubuzé bayo; ngokuba ibubuzé bakho. 11Ubuzé bentombi yomkayihlo ezalwa nguyihlo, ingudade wenu, uze ungabutyhili ubuzé bayo. 12Ubuzé bodade boyihlo uze ungabutyhili: yinyama yoyihlo leyo. 13Ubuzé bonyokokazi uze ungabutyhili: kuba yinyama yonyoko leyo. 14Ubuzé boyihlokazi uze ungabutyhili, ungasondeli kumkakhe: ngunyokokazi lowo. 15Ubuzé bomolokazana wakho uze ungabutyhili: ngumkanyana wakho lowo; uze ungabutyhili ubuzé bakhe. 16Ubuzé bomfazi womntakayihlo uze ungabutyhili: bubuzé bomntakayihlo obo. 17Ubuzé bomfazi nentombi yakhe uze ungabutyhili; intombi yonyana wakhe, nentombi yentombi yakhe, uze ungayizeki, ukuba ubutyhile ubuzé bayo: yinyama yakhe leyo; ngamanyala lawo.
18Umfazi uze ungamzekeli phezu kodade wabo, ukuba ubandezele, ukuba ubutyhile ubuzé bakhe phezu kwakhe, ekudleni kwakhe ubomi. 19Uze ungasondeli emfazini, esekungcoleni kobunqambi bakhe, ukuba ubutyhile ubuzé bakhe. 20Uze ungamlali umfazi wommelwane, ukuba uzenze inqambi ngaye.
21Embewini yakho uze unganikeli namnye, ukuba acandiselwe uMoleki;• ungalihlambeli igama loThixo wakho; ndinguYehova.
22Uze ungayilali into eyindoda njengokuba kulalwa umfazi: ngamasikizi lawo.
23Uze ungalali nanye into ezitho ziné, ukuba uzènze inqambi ngayo; inkazana mayingazimisi phambi kwento ezitho ziné, ukuze izekwe yiyo: kukuzingcolisa oko.
24Musani ukuzenza iinqambi ngezo nto zonke; kuba zenziwa iinqambi ngezo nto zonke iintlanga endizigxothayo ebusweni benu. 25Lenziwé inqambi nelizwe elo; ndiyabuvelela ubugwenxa babo phezu kwabo, nelizwe liyabahlanza abemi balo. 26Ize niyigcine imimiselo yam namasiko am nina, ningenzi nalinye kuloo masikizi, kwaozalelwe ekhaya, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu. 27Kuba onke loo masikizi bawenzile abantu belo zwe abaphambi kwenu, lenziwa inqambi ilizwe; 28ukuze linganihlanzi ilizwe ngokulenza kwenu inqambi, njengoko liluhlanzileyo uhlanga oluphambi kwenu. 29Ngokuba bonke abasukuba besenza nalinye kuloo masikizi, imiphefumlo elenzayo yonqanyulwa, ingabikho phakathi kwabantu bakowayo. 30Ngoko ke ize nisigcine isigxina sam, ningenzi namnye ummiselo olisikizi owenziwa phambi kwenu, ningazenzi iinqambi ngawo: ndinguYehova, uThixo wenu.

Currently Selected:

ILEVITIKUS 18: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy