YouVersion Logo
Search Icon

UYOHANE 18

18
UYesu uyabanjwa
(UMat. 26:36,47-56)
1Akuzithetha uYesu ezi zinto, waphuma nabafundi bakhe, waya phesheya komlanjana oyiKidron, apho kwakukho umyezo, awangena kuwo yena nabafundi bakhe.
2NoYuda ke, lowo umngcatshayo, ubeyazi indawo leyo; kuba uYesu ubesakubutha futhi khona apho nabafundi bakhe. 3Athi ngoko uYuda, ethabathe ibutho lamasoldati namadindala kubabingeleli abakhulu nabaFarisi, eze khona enezikhanyiso nezibane neentonga. 4Ezazi ngoko uYesu zonke izinto ezimzelayo, waphuma, wathi kubo, Nifuna bani na? 5Bamphendula bathi, UYesu umNazarete. Athi kubo uYesu, Ndinguye. Wabemi ke nabo uYuda, lowo umngcatshayo. 6Akutsho ngoko kubo ukuthi, Ndinguye, bahlehla, bawa emhlabeni.
7Wabuya ke wababuza esithi, Nifuna bani na? Bathi ke bona, UYesu umNazarete. 8Waphendula uYesu wathi, Ndinixelele ukuba ndinguye; ukuba ngoko nifuna mna, bayekeni aba bemke; 9ukuze lizaliseke ilizwi awalithethayo elithi, Kwabo undinike bona, andilahlekwanga namnye.
10Uthe ngoko uSimon Petros, enekrele, walirhola, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqamla indlebe yokunene; laye igama lomkhonzi lowo linguMalko. 11Uthe ngoko uYesu kuPetros, Lifake ikrele lakho esingxotyeni salo; indebe andinikileyo uBawo andisayi kuyisela na?
UYesu phambi kombingeleli omkhulu. UPetros uyamkhanyela
(UMat. 26:57-75)
12Ibutho ngoko lamasoldati, nomthetheli-waka, namadindala amaYuda, bambamba uYesu, 13bambopha, bamrholela kuAnas kuqala; kuba wayengusomfazi kuKayafa, obengumbingeleli omkhulu ngaloo mnyaka. 14Ke kaloku uKayafa wayengulowo wabhunga namaYuda ngokuthi, Kuyinto elungileyo, ukuba umntu omnye atshabalale ngenxa yabantu.
15Ke kaloku uSimon Petros wayemlandela uYesu, naye omnye umfundi. Loo mfundi ke wayesazeka kumbingeleli omkhulu, wangena noYesu entendelezweni yombingeleli omkhulu. 16UPetros ke ubemi ngasesangweni ngaphandle. Waphuma ke omnye umfundi, lowo ubesazeka kumbingeleli omkhulu, wathetha nomgcini-sango, wamngenisa uPetros. 17Sithi ngoko isicakazana esingumgcini-sango kuPetros, Ingaba nawe ungowabafundi balo mntu yini na? 18Athi yena, Andinguye. Ke kaloku kwakumi khona abakhonzi namadindala bebàse umlilo wamalahle, ngokuba bekubanda; bamana besotha, waye ke uPetros emi nabo esotha.
19Umbingeleli omkhulu ngoko wambuza uYesu ngabafundi bakhe, nangayo imfundiso yakhe. 20Wamphendula uYesu wathi, Mna ndathetha ngokungafihlisiyo kulo ihlabathi; mna bendihleli ndifundisa endlwini yesikhungu nasetempileni, apho amaYuda ebesakubuthelana khona, evela kumacala onke; emfihlekweni andithethanga nto. 21Yini na ukuba ubuze kum? Buza kwabo bayivileyo into endayithetha kubo; uyabona, aba bayakwazi oko ndakuthethayo.
22Ke kaloku, akubon' ukuba utshilo, elinye lamadindala, elalimi khona, lammonxoza uYesu, lathi, Wènjenje na ukumphendula umbingeleli omkhulu? 23Waliphendula uYesu wathi, Ukuba ndithethé kakubi, ngqinela ububi obo; kodwa ukuba ndithethé kakuhle, undibethelani na? 24UAnas wamthumela ebotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu.
25Ke kaloku uSimon Petros wayemi esotha; bathi ngoko kuye, Ingaba nawe ungowabafundi bakhe yini na? Wakhanyela yena wathi, Andinguye. 26Athi omnye umkhonzi wombingeleli omkhulu, osisalamane salowo uPetros wamnqamla indlebe, Andikubonanga mna yini na emyezweni unaye? 27Wabuya ke wakhanyela uPetros. Yasuka yalila kwaoko inkuku.
UYesu phambi koPilato
(UMat. 27:1,2,11-31)
28Bamsusa ngoko uYesu kuKayafa, bamsa kwindlu yerhuluneli; bekukusasa ke oko; bona abangenanga endlwini yerhuluneli, ukuze bangadyobheki, ukuze bayidle ipasika.•
29Waphuma ke uPilato waya kubo, wathi, Nimisa tyala lini na kuye lo mntu? 30Baphendula bathi kuye, Ukuba ebengenguye umenzi wobubi yena, singe singamnikelanga kuwe. 31Wathi ngoko uPilato kubo, Mthabatheni nina, nimgwebe ngesiko lenu. Athi ngoko amaYuda kuye, Akuvumelekile kuthi ukuba sibulale umntu; 32ukuze ilizwi likaYesu lizaliseke awalithethayo, eqondisa ukuba kukufa kuni na abeza kufa ngako.
33Wabuya ngoko wangena uPilato endlwini yerhuluneli, wambiza uYesu, wathi kuye, Wena unguye na uKumkani wamaYuda? 34Umphendule uYesu, wathi, Uyithetha le nto iphuma kuwe, wayixelelwa ngabanye ngam, sini na? 35Waphendula uPilato wathi, Kanene, mna ndingumYuda na? Luhlanga lwakowenu nababingeleli abakhulu abakunikeleyo kum; wenzé ntoni na? 36Waphendula uYesu wathi, Ubukumkani bam asibubo obeli hlabathi; ukuba bebububo obeli hlabathi ubukumkani bam, amakhonza am ange ezama, ukuze ndinganikelwa kumaYuda; ngoku ke ubukumkani bam asibobalapha. 37Wathi ke uPilato kuye, Hina ke, ungukumkani na wena? Waphendula uYesu wathi, Nawe uthi ndingukumkani. Mna ndizalelwe oku; ndizele oku ehlabathini, ukuze ndiyingqinele inyaniso. Bonke abangabenyaniso bayaliva ilizwi lam. 38Athi uPilato kuye, Yintoni na yona inyaniso?
Akuba etshilo, wabuya waphuma waya kumaYuda, athi kuwo, Mna andifumani nalinye ityala kuye. 39Ke kaloku ninesiko lokuba ndinikhululele abe mnye ngepasika; ninga ke ndinganikhululela uKumkani wamaYuda na? 40Babuya ngoko bonke bankqangaza, besithi, Mayingabi ngulo, mayibe nguBharabhas. Waye ke uBharabhas lo esisihange.

Currently Selected:

UYOHANE 18: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy