YouVersion Logo
Search Icon

UYEREMIYA 8

8
1Ngelo xesha, utsho uYehova, aya kukhutshwa emangcwabeni abo amathambo ookumkani bakwaYuda, namathambo abathetheli bakhe, namathambo ababingeleli, namathambo abaprofeti, namathambo abemi baseYerusalem; 2anekwe elangeni, nasenyangeni, nasemkhosini wonke wezulu, izinto ezo ababezithanda, ababezikhonza, ababezilandela, ababequqela kuzo, ababequbuda kuzo; akayi kuhlanganiswa, akayi kungcwatywa, aya kuba ngumgquba phezu kobuso bomhlaba. 3Konyulwa ukufa phezu kobomi ngamasalela onke aseleyo kule mizalwane ineento ezimbi, ezindaweni zonke endiwagxothele kuzo amasalela; utsho uYehova wemikhosi.
UYuda wona ngenkani
4Yithi ke kubo, Utsho uYehova ukuthi, Baya kuwa, bangavuki na? Úya kuphamba, angabuyi na umntu? 5Kungathuba lini na ukuba aba bantu baseYerusalem baphambe ngokuphamba okungunaphakade? Babambelela engohlisweni, bengavumi ukubuya. 6Ndabaza indlebe, ndeva, báthetha into engeyiyo; akukho bani uzohlwayayo ngeento zakhe ezimbi, athi, Yintoni na le ndiyenzileyo? Bonke bephela babuyela ekugidimeni kwabo, njengehashe lifunzela emfazweni. 7Kanti nengwamza ezulwini iyawazi amaxesha ayo amisiweyo; nehobe nehlankomo nendwe ziligcinile ixesha lokufika kwazo; ke bona abantu bam abalazi isiko likaYehova.
8Ningáthini na ukuthi, Sizizilumko, umyalelo kaYehova unathi? Yabonani, okwenene usiba lwababhali olubuxoki luwenze wabubuxoki. 9Zidanile izilumko, ziqhiphuke umbilini, zibanjisiwe; yabona, ziyalicekisa ilizwi likaYehova; zinobulumko bukabani na ke? 10Ngako oko abafazi babo ndiya kubanikela kubambi, namasimi abo ndiwanikele kwabawahluthayo; ngokuba, bethabathela komncinane besa komkhulu, bonke bephela babáwa bebawile; bethabathela kumprofeti besa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki. 11Bakuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Lúxolo, luxolo; kungekho luxolo. 12Baya kudaniswa, ngokuba benzé amasikizi; noko ke abadani nokudana, abakwazi ukuba neentloni; ngako oko baya kuwa phakathi kwabawàyo, ngexesha lokubavelela kwam baya kukhubeka; utsho uYehova. 13Ndiya kubatshayela impela, utsho uYehova; kungabikho zidiliya emdiliyeni, kungabikho makhiwane emkhiwaneni; igqabi liya kubuna; ndisuke ndimise abo baya kugqitha phezu kwabo.
14Sihlaleleni na? Zihlanganiseni, singene emizini enqatyisiweyo, sitshabalale khona; ngokuba uYehova uThixo wethu uza kusitshabalalisa, asiseze inyongo; ngokuba sonile kuYehova. 15Besithembe uxolo, akwabakho nto ilungileyo: besithembe ixesha lokuphiliswa, nanko ikukudandatheka. 16Livakala livela kwaDan ithatha lamahashe abo; ngezwi lokukhonya kweembalasane zamahashe abo liyanyikima ilizwe lonke. Bayeza, bayalidla ilizwe nenzaliseko yalo, umzi nabemi bawo. 17Ngokuba, yabonani, ndithumela phakathi kwenu iinyoka, amarhamba angenakukhafulwa, anilume; utsho uYehova.
Isingqala somprofeti ngenxa yezono zabantu bakowabo
18Uyé phi na umthuthuzeli wam esingqaleni? Inobulwelwe kum intliziyo yam. 19Nalo ilizwi lokuzibika kwentombi yabantu bakowethu, livela ezweni elikude, lisithi, UYehova akakho na eZiyon? akakho na kuyo ukumkani wayo? Kungathuba lini na ukuba bandiqumbise ngemifanekiso yabo eqingqiweyo, ngeento ezingento zolunye uhlanga? 20Ukuvuna kudlule, ihlobo liphelile, thina ke asikasindiswa. 21Ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu, ndaphukile; ndinezimnyama zokuzila, ndibanjwe kukumangaliswa. 22Akukho mafutha aqholiweyo na eGiliyadi? Akukho gqirha na khona? Kutheni na ke ukuba kungàbotshwa ukwaphuka kwentombi yabantu bakowethu?

Currently Selected:

UYEREMIYA 8: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy