YouVersion Logo
Search Icon

UYEREMIYA 5

5
Izono zeYerusalem nokuya kuyihlela
1Zityhutyheni izitrato zaseYerusalem; khanikhangele, nazi, nifune ezindaweni zayo zembutho, ukuba nomfumana na umntu, ukuba ukho na umntu owenza ngokusesikweni, ofuna ukunyanisa: ndoyixolela. 2Nokuba bathi, Ehleli nje uYehova, boba bafunga bexoka.
3Yehova, amehlo akho àkajonge ekunyaniseni, yini na? Ùyababetha, abevi ntlungu; ùyabagqibela kuphele, abavumi ukuthethiswa; babenza ngwanyalala ubuso babo ngaphezu kwengxondorha, àbavumi ukubuya.
4Ndathi mna, Zizisweli zodwa zona, zimathile; ngokuba abayazi indlela kaYehova, nesiko loThixo wabo. 5Ndokha ndiye kwabakhulu, ndithethe nabo; ngokuba bayayazi bona indlela kaYehova, isiko loThixo wabo; ke bona bayaphúle kunye idyokhwe, baziqhawula izitropu. 6Ngenxa yoko iyababulala ingonyama yasehlathini, iyabadlavula ingcuka yasezinkqantosini, ingwe ilalela imizi yabo; bonke abo baphuma kuyo bayaqwengwa; ngokuba luninzi ukreqo lwabo, kuninzi ukuphamba kwabo.
7Ndothini na ukukuxolela? Oonyana bakho bandishiyile, bafunga abangethixo; ndabafungisa, ke bakrexeza, bathi ngunga endlwini yamahenyukazi. 8Bayazíbela njengeenkunzi zamahashe ezityetyisiweyo, elowo ukhonyela umfazi wommelwane wakhe. 9Mandingàveleli na ke ngenxa yezo zinto? utsho uYehova; ungàphindezeli na ke umphefumlo wam, kuhlanga olunje?
10Nyukani ezindongeni zayo, nonakalise; kodwa ningagqibeli kuphele; susani amasebe ayo, ngokuba engengakaYehova. 11Ngokuba itshinizile kakhulu kum indlu kaSirayeli nendlu kaYuda, utsho uYehova. 12Bayamkhanyela uYehova; bathi, Asinguye, àbuyi kusifikela ububi, asiyi kubona krele nandlala; 13abaprofeti baya kuba ngumoya; othethayo akakho kubo; makwenjiwe njalo kubo.
14Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, ukuthi, Ngenxa enokuba nilithetha elo lizwi, yabona, ndiwenza umlilo amazwi am emlonyeni wakho, naba bantu babe ziinkuni, ubadle. 15Yabona, ndifikisa phezu kwenu, ndlu kaSirayeli, uhlanga lwakude, utsho uYehova; luhlanga oluqinileyo, luhlanga oludala, luhlanga oluntetho ungayaziyo, ongayivayo into oluyithethayo. 16Umphongolo walo unjengengcwaba elivulekileyo; bonke bephela bangamagorha. 17Luya kukudla ukuvuna kwakho nesonka sakho; luya kubadla oonyana bakho neentombi zakho; luya kuyidla impahla yakho emfutshane neenkomo zakho; luya kuwudla umdiliya wakho nomkhiwane wakho; luya kuyiviva ngekrele imizi yakho enqatyisiweyo, okholose ngayo.
18Noko ke ngaloo mihla, utsho uYehova, andiyi kunigqibela kuphele. 19Kuthi, xa nithi, UYehova uThixo wethu uzenzeleni na ezo zinto zonke kuthi? ùze uthi kubo, Njengokuba nindishiyile mna, nakhonza oothixo bolunye uhlanga ezweni lenu, kwangokunjalo niya kukhonza abasemzini ezweni elingelenu.
20Kuxeleni oku endlwini kaYakobi, nikuvakalise kwaYuda, nithi, 21Khanive oku, bantu bazizidenge, bangenantliziyo; banamehlo, bengaboni; baneendlebe, bengeva. 22Mna anindoyiki na? utsho uYehova; anizibhijabhiji na ebusweni bam, mna ndiyibekileyo intlabathi yangumda wolwandle, yangummiselo ongunaphakade olungàwugqithiyo? Ayalatyuza amáza alo, angabi nakwenza nto; agqume, angawugqithi. 23Ke aba bantu banentliziyo eyinjubaqa, eneenkani; bakreqile bemka. 24Àbatsho nokuthi ezintliziyweni zabo, Makhe soyike uYehova uThixo wethu, osinika imvula ethambisayo nevuthisayo ngexesha elililo; osigcinela iiveki ezimisiweyo zasekwindla. 25Izenzo zenu ezigwenxa zizisunduzile ezo zinto, izono zenu zikuthintele kuni okulungileyo.
26Ngokuba kufunyanwa abangendawo phakathi kwabantu bam; bayalalela ngokuncathama kwabathiyeli, benza isihogo, babambisa abantu. 27Njengendlwane izele ziintaka, zinjalo izindlu zabo ukuzala yinkohliso; ngenxa yoko bakhulile baba zizityebi. 28Batyebile, bagudile; kananjalo bagqithisele ngezinto ezimbi; ityala àbalilungisa, ityala leenkedama, ukuze zibe nempumelelo; àbaligwebi ityala lamahlwempu. 29Ndingàveleli na ke ngenxa yezo nto? utsho uYehova; ùngaphindezeli na umphefumlo wam kuhlanga olunje?
30Kwenziwa into emangalisayo, ebanga amanwele ezweni: 31àbaprofeti baprofeta ngobuxoki, nababingeleli banobukhosi ngezandla zabo; abantu bam ke bathanda ukuba kube njalo. Niya kuthini na ke ekupheleni kwako oko?

Currently Selected:

UYEREMIYA 5: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy