YouVersion Logo
Search Icon

UYEREMIYA 43

43
Abantu abawuphulaphuli umyalezo; baya eYiputa
1Kwathi, akugqiba uYeremiya ukuwathetha ebantwini bonke amazwi onke kaYehova uThixo wabo, awamthuma wona uYehova uThixo wabo kubo, 2onke la mazwi, batsho ooAzariya unyana kaHoshaya, noYohanan unyana kaKareha, namadoda onke akhukhumeleyo, ukuthi kuYeremiya, Ùthetha ubuxoki; uYehova uThixo wethu akakuthumanga kuthi, ukuba uthi, Ze ningayi eYiputa niphambukele khona; 3uBharuki ke, unyana kaNeriya, úya kuxhokonxa ngakuthi, kuba efuna ukuba sinikelwe esandleni samaKaledi, ukuba asibulale, ukuba asifudusele eBhabheli.
4UYohanan unyana kaKareha, nabo bonke abathetheli bezimpi, nabantu bonke, àbaliphulaphula ilizwi likaYehova lokuba bahlale elizweni lakwaYuda. 5UYohanan unyana kaKareha, nabo bonke abathetheli bezimpi, bawathabatha onke amasalela akwaYuda, abebuyé evela ezintlangeni zonke abegxothelwe kuzo, ukuba aye kuphambukela ezweni lakwaYuda: 6amadoda, nabafazi, nabantwana, neentombi zokumkani, nemiphefumlo yonke abeyishiye uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, kuGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, noYeremiya umprofeti, noBharuki unyana kaNeriya. 7Baya ke elizweni laseYiputa, ngokuba babengaliphulaphulanga izwi likaYehova; baya bafika eTapanesi.
Ukoyiswa kweYiputa okuzayo kuyaxelwa
8Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya eTapanesi, lisithi, 9Thabatha ngesandla sakho amatye amakhulu, uwaqhusheke eludakeni endaweni yokutshisa izitena, esemnyango wendlu kaFaro eTapanesi, emehlweni amadoda akwaYuda. 10Uze uthi kuwo, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiya kuthumela ndithabathe uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, umkhonzi wam, ndiyibeke itrone yakhe ngaphezu kwala matye ndiwaqhushekileyo; aneke isivatho sakhe esihle ngaphezu kwawo. 11Úya kufika alibethe ilizwe leYiputa, owokufa afe, owokuthinjwa athinjwe, owekrele abe ngowekrele. 12Ndiya kufaka isikhuni ezindlwini zoothixo baseYiputa, azitshise zona, abathimbe bona, azithi wambu ngelizwe leYiputa, njengokuba umalusi ezithi wambu ngengubo yakhe; aphume kulo enoxolo. 13Úya kuwaqhekeza amatye amisiweyo aseBhete-shemeshe, asezweni leYiputa, azitshise ngomlilo izindlu zoothixo baseYiputa.

Currently Selected:

UYEREMIYA 43: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy