YouVersion Logo
Search Icon

UYEREMIYA 31

31
Umnqophiso omtsha
1Ngelo xesha, utsho uYehova, ndiya kuba nguThixo kwimizalwane yonke yakwaSirayeli, yona ibe ngabantu bam. 2Utsho uYehova ukuthi, Bàbabalwa entlango abantu abasindileyo ekreleni; ndoya ndiwaphumze amaSirayeli.
3UYehova ubonakele kum kwakude, wathi, Ndikuthandile ngothando olungunaphakade; ngenxa yoko ndikolúlele inceba. 4Ndiya kubuya ndikwakhe, wakheke, ntombi inguSirayeli; uya kubuya uzihombise, uphathe iingqongqo zakho, uphume uye ekungqungqeni kwabangqungqayo. 5Uya kubuya utyale izidiliya ezintabeni zakwaSamari, batyale abatyali, bazidle ngokwabo. 6Ngokuba kuya kubakho umhla, abaya kumemeza ngawo abalindi ezintabeni zakwaEfrayim, besithi, Sukani nime, sinyuke siye eZiyon kuYehova, uThixo wethu.
7Ngokuba utsho uYehova ukuthi, Memelelani ngoYakobi, nivuye, nitsholoze ngentloko yeentlanga; vakalisani, dumisani, yithini, Basindise, Yehova, abantu bakho, amasalela akwaSirayeli. 8Yabona, ndiyabazìsa bevela ezweni lasentla, ndibabuthe eziphelweni zehlabathi; beneemfama neziqhwala, abamithiyo nabazalayo kunye; besisikhungu esikhulu, bebuyela apha. 9Baya kuza belila, ndibakhokele betarhuzisa; ndibàse emilanjeni yamanzi ngendlela ethe tye, bengakhubeki kuyo; kuba ndinguyise kuSirayeli, uEfrayim ngowamazibulo am.
10Liveni ilizwi likaYehova, zintlanga, nilixele eziqithini ezikude, nithi, Umchithachithi kaSirayeli uya kumbutha, amgcine njengomalusi egcina umhlambi wakhe. 11Ngokuba uYehova ummisele wamkhulula uYakobi; umhlawulele wamkhulula esandleni sowomeleleyo kunaye. 12Baya kuza bamemelele ezindulini zaseZiyon, basinge kwizinto ezilungileyo zikaYehova, engqoloweni, nasewayinini entsha, naseolini, nasemgqekwini weegusha neenkomo; imiphefumlo yabo ibe njengomyezo onyelwa ngamanzi, uvunde; bangabi saphinda bathé amandla. 13Iya kwandula intombi ivuye ekungqungqeni, namadodana namadoda amakhulu kunye; ndisenze isijwili sabo sibe yimihlali, ndibathuthuzele, ndibavuyise, bangabi nasingqala. 14Ndowuseza uhluthe umphefumlo wababingeleli ngamafutha, bahluthe abantu bam zizinto zam ezilungileyo; utsho uYehova.
15Utsho uYehova ukuthi, Kuvakele izwi eRama, isimema, isililo esikrakra: uRakeli elilela abantwana bakhe, engavumi ukuthuthuzeleka, ngenxa yabantwana bakhe, ngokuba bengasekho. 16Utsho uYehova ukuthi, Lithintele ilizwi lakho, lingalili, namehlo akho angabi nanyembezi; ngokuba únomvuzo umsebenzi wakho, utsho uYehova; baya kubuya ezweni lotshaba. 17Linethemba ikamva lakho, utsho uYehova; oonyana bakho baya kubuyela emdeni wabo.
18Ndimvile ngenene uEfrayim, ehlunguzela intloko, esithi, Ùndiqeqeshile ndaqeqesheka njengethole elingekathambi; ndíbuyise, ndibuye; ngokuba wena, Yehova, unguThixo wam. 19Ngokuba emva kokukutshikilela kwam ndazohlwaya, emva kokwaziswa kwam ndabetha ethangéni lam; ndadana, ndeva ihlazo, ngokuba ndithwele isingcikivo sobuncinane bam. 20Ngunyana onqabileyo na kum uEfrayim? Ngumntwana wokuteketiswa na, le nto ndithi, ndakuthetha ngaye ndimchasile, ndisuke ndimkhumbule ngakumbi? Ngenxa yoko izibilini zam ziyasika ngaye; inene, ndiya kuba nemfesane kuye, utsho uYehova. 21Zimiseleni izalathiso, zigxumekeleni izibonda; yibhekise intliziyo yakho emendweni, endleleni owahamba ngayo. Buya, ntombi inguSirayeli, buyela emizini yakowenu. 22Kunini na unxaxhanxaxha, ntombi iphambayo? ngokuba uYehova udala into entsha ehlabathini: inkazana iya kuphahla indoda.
23Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Basaya kulithetha eli lizwi ezweni lakwaYuda nasemizini yakhona, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabo, lokuthi, UYehova makakusikelele, khaya lobulungisa, ntaba yobungcwele. 24Aya kuma khona amaYuda nemizi yawo yonke kunye; abalimi, nabahamba emathanga benemihlambi yabo. 25Ngokuba ndiyawuseza uhluthe umphefumlo otyhafileyo; ndowanelisa umphefumlo wonke othé amandla.
26Kwakuba njalo, ndavuka, ndakhangela; ubuthongo bam bebumnandi kum.
27Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kuyihlwayela indlu kaSirayeli nendlu kaYuda ngembewu yomntu, nangembewu yenkomo. 28Kuya kuthi njengoko ndabaphaphelayo ukuba ndinyothule, ukuba ndidilize, ukuba ndigungxule, ukuba nditshabalalise, ukuba ndenze kube kubi: ngokunjalo ndibaphaphele ukuba ndakhe, ukuba ndityale; utsho uYehova. 29Ngaloo mihla abasayi kuba sathi, Ooyise badlé iidiliya ezimuncu, amazinyo oonyana aba buthelezi; 30ke elowo uya kufa ngenxa yobakhe ubugwenxa; umntu wonke odla iidiliya ezimuncu, nguye omazinyo aya kuba buthelezi.
31Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, endiya kwenza umnqophiso omtsha nendlu kaSirayeli nendlu kaYuda; 32ungabi njengomnqophiso endawenza noyise ngomhla endababambayo ngesandla, ukuba ndibakhuphe ezweni leYiputa; umnqophiso wam abasuka bawaphula bona, nangani bendiyindoda yabo; utsho uYehova. 33Nguwo ke lo umnqophiso, endiya kuwenza nendlu kaSirayeli emva kwaloo mihla, utsho uYehova: ndiya kuwubeka umyalelo wam embilinini yabo, ndiwubhale ezintliziyweni zabo, ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam; 34bangabi safundisa elowo ummelwane wakhe, elowo umzalwana wakhe, besithi, Mazini uYehova; ngokuba bonke bephela baya kundazi, kuthabathela kwabancinane kuse kwabakhulu, utsho uYehova; ngokuba ndiya kubuxolela ubugwenxa babo, ndingabi sasikhumbula isono sabo.
35Utsho uYehova, uMniki welanga, ukuba libe sisikhanyiso emini; uMniki wemimiselo yenyanga neenkwenkwezi, ukuba zibe sisikhanyiso ebusuku; uMlatyuzisi wolwandle, ukuba agqume amaza alo; ugama lakhe linguYehova wemikhosi: 36ukuthi, Ukuba ithe yasuka loo mimiselo phambi kwam, utsho uYehova, yophela nayo ke imbewu kaSirayeli, ingabi luhlanga phambi kwam ngamaxa onke. 37Utsho uYehova ukuthi, Ukuba lingaba nokulinganiswa izulu phezulu, zibe nokugocwagocwa iziseko zehlabathi phantsi, nam ke ndoba ndiya kuyicekisa yonke imbewu kaSirayeli, ngenxa yento yonke abayenzileyo; utsho uYehova.
38Yabona, kuza imihla, utsho uYehova, oya kuthi umzi lowo wakhelwe uYehova, kuthabathele enqabeni ende kaHananeli, kuse esangweni lembombo; 39lubùye luphume ulutya lokulinganisela, luthi gca phezu kwenduli kaGarebhe, lujikele eGoha. 40Yonke intili yezidumbu neyothuthu, namasimi onke asa esihlanjeni seKidron, asa embombeni yesango lamahashe ngasempumalanga, ibe ngcwele kuYehova, ingabi sanyothulwa, ingabi sagungxulwa naphakade.

Currently Selected:

UYEREMIYA 31: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy