YouVersion Logo
Search Icon

UYEREMIYA 21

21
Isiphumo songqingo lweYerusalem
1Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, ekuthumeni kokumkani onguZedekiya ooPashure unyana kaMalekiya, noZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, kuye, ukuthi, Khawusibuzele kuYehova, 2ngokuba uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, esilwa nathi; mhlawumbi uYehova wosenzela ngokwemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo, enyuke esuke kuthi yena.
3Wathi uYeremiya kubo, Nòtsho kuZedekiya ukuthi, 4Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiyazijika iimpahla zemfazwe ezisezandleni zenu, enilwa ngazo nokumkani waseBhabheli, namaKaledi aningqingayo, ngaphandle kodonga, ndizihlanganisele esazulwini salo mzi. 5Ndiya kulwa nani mna ngesandla esolukileyo, nangengalo ethe nkqi, ndínomsindo, ndínobushushu, ndínoburhalarhume obukhulu. 6Ndiya kubabetha abemi balo mzi, abantu kwaneenkomo; baya kufa yindyikitya yokufa enkulu. 7Emveni koko, utsho uYehova, ndomnikela uZedekiya ukumkani wakwaYuda, nabakhonzi bakhe, nabantu abo baseleyo kulo mzi, endyikityeni yokufa, nasekreleni, nasendlaleni; ndibanikele esandleni sikaNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, nasesandleni seentshaba zabo, nasesandleni sabawufunayo umphefumlo wabo; ábabéthe ngohlangothi lwekrele; akayi kuba nanceba kubo, akayi kubaconga, akayi kuba namfesane.
8Ke kwaba bantu wòthi, Utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndibeka phambi kwenu indlela yobomi nendlela yokufa. 9Othe wahlala kulo mzi uya kufa likrele, nayindlala, nayindyikitya yokufa; ke yena othe waphuma, waphambela kumaKaledi aningqingayo, uya kuphila umphefumlo wakhe, ube lixhoba kuye. 10Ngokuba ubuso bam kulo mzi ndibumisele ububi, àndibumisele okulungileyo, utsho uYehova; úya kunikelwa esandleni sokumkani waseBhaheli, awutshise ngomlilo.
11Ke kwindlu yokumkani wakwaYuda wòthi, 12Yivani ilizwi likaYehova. Ndlu kaDavide, utsho uYehova ukuthi, Thethani amatyala imiso yonke, ophangiweyo nimhlangule esandleni somcudisi, hleze ubushushu bam buphume njengomlilo, butshise, kungabikho ucimayo ngenxa yobubi beentlondi zenu. 13Yabonani, ndichasene nani, bemi bentili, beliwa lehewu, utsho uYehova; nina bàthi, Ngubani na oya kuhla phezu kwethu? ngubani na oya kusingenela emakhaya? 14Ke ndonivelela ngokwesiqhamo seentlondi zenu, utsho uYehova; ndifake isikhuni ehlathini layo, udle umlilo ngeenxa zonke kuyo.

Currently Selected:

UYEREMIYA 21: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy