YouVersion Logo
Search Icon

UYEREMIYA 19

19
Ingqayi yombumbi wezitya zodongwe
1Utsho uYehova ukuthi, Yiya uthenge ingqayi yombumbi wezitya zodongwe, uthabathe inxenye yamadoda amakhulu abantu, neyamadoda amakhlu ababingeleli; 2uphume uye emfuleni wakwaBhen-hinom olunge nesango leenkamba, umemeze khona amazwi endiya kuwathetha kuwe. 3Wòthi, Liveni ilizwi likaYehova, kumkani bakwaYuda, nani bemi baseYerusalem; utsho uYehova wemikhosi, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Yabonani, le ndawo ndiyizisela ububi, obuya kubetha zithi nzwi iindlebe zabo bonke ababuvayo; 4ngenxa enokuba bendishiyile mna, bayenza eyasemzini le ndawo baqhumisela thixweni bambi abangabaziyo, bona, nooyise, nookumkani bakwaYuda, bayizalisa le ndawo ngegazi labamsulwa. 5Bamakhela uBhahali• izigánga, ukuze babatshise oonyana babo ngomlilo, babe ngamadini anyukayo kuBhahali, into endingabawiselanga mthetho ngayo, endingayithethanga, engathanga qatha entliziyweni yam. 6Ngako oko uyabona, iyeza imihla, utsho uYehova, engasayi kuba sabizwa le ndawo ngokuthi yiTofete,• nomfula wakwaBhen-hinom; kuya kuthiwa nguMfula wokuBulala. 7Ndiya kulithululela iqhinga lakwaYuda neYerusalem kule ndawo, ndibawise ngekrele phambi kweentshaba zabo, nangezandla zabawufunayo umphefumlo wabo, ndizinikele izidumbu zabo zibe kukudla ezintakeni zezulu nasezilweni zomhlaba. 8Ndiya kuwenza lo mzi ube ngummangaliso nomsondlo; bonke abagqitha kuwo bomangaliswa, benzé umsondlo ngazo izibetho zawo zonke. 9Ndiya kubadlisa inyama yoonyana babo nenyama yeentombi zabo, elowo adle inyama yowabo, ekungqingweni nasekucuthweni, eziya kubacutha ngako iintshaba zabo, nabawufunayo umphefumlo wabo.
10Uze ke uyiqhekeze ingqayi emehlweni amadoda ahamba nawe, uthi kuwo, 11Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndiya kwenjenje ukubaqhekeza aba bantu nalo mzi, njengokuqhekezwa kwezitya zombumbi, ezingasenakubuya zingcitywe; babangcwàbele eTofete, ngokungabikho ndawo yakungcwaba. 12Ndiya kwenjenjalo kule ndawo, utsho uYehova, nakubemi bayo, ukuze lo mzi ndiwenze ube njengeTofete. 13Izindlu zeYerusalem nezindlu zookumkani bakwaYuda zoba yinqambi, njengendawo yeTofete: zonke izindlu, abaqhumisela phezu kophahla lwazo kuwo wonke umkhosi wasezulwini, bathululele thixo bambi iminikelo ethululwayo kubo.
14Wabuya uYeremiya eTofete, apho uYehova abemthumele khona ukuba aprofete; wema entendelezweni yendlu kaYehova, wathi kubantu bonke, 15Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiwuzisela lo mzi, nemizi yawo yonke, bonke ububi endibuthethileyo ngawo; ngokuba beyenzé lukhuni intamo yabo, ukuze bangawevi amazwi am.

Currently Selected:

UYEREMIYA 19: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy