YouVersion Logo
Search Icon

UHEZEKILE 48

48
Amacandelo ezizwe, awababingeleli, awabaLevi, awomzi, nawesikhulu
1Ngawo la amagama ezizwe ezo, ethabathela ekupheleni ngentla, ehamba ecaleni kwendlela yaseHetelon, ukuya eHamati, naseHatsare-enon, umda waseDamasko, ngasentla ecaleni laseHamati, libe lelakhe icala lasempumalanga nelasentshonalanga: uDan woba necandelo elinye. 2Ngasemdeni ke kaDan, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uAshere, libe linye. 3Ngasemdeni ke ka-Ashere, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uNafetali, libe linye. 4Ngasemdeni kaNafetali, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uManase, libe linye. 5Ngasemdeni kaManase, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uEfrayim, libe linye. 6Ngasemdeni kaEfrayim, kuthabathele ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uRubhen, libe linye. 7Ngasemdeni kaRubhen, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uYuda, libe linye.
8Ngasemdeni kaYuda, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga, yoba ngumrhumo eniya kuwurhuma; ube ngamawaka angamashumi amabini anamahlanu eengcongolo• ububanzi, ubude ke bube njengobesinye isahlulo, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kude kuye ecaleni lasentshonalanga; ingcwele isesazulwini sawo.
9Umrhumo eniya kuwurhumela uYehova woba ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ube ngamawaka alishumi ububanzi. 10Woba ngowaba umrhumo ongcwele: ngowababingeleli; ngasentla ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ngasentshonalanga ube lishumi lamawaka ububanzi, ngasempumalanga ube lishumi lamawaka ububanzi, ngasezantsi ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude; ingcwele kaYehova yoba sesazulwini sawo. 11Ababingeleli abangcwalisiweyo koonyana bakaTsadoki, abasigcinayo isigxina sam, abangandwendwanga ekundwendweni koonyana bakaSirayeli, njengoko bandwendwáyo abaLevi, 12woba ngowabo umrhumo emrhumeni welizwe; uyingcwele kangcwele ngasemdeni wabakaLevi.
13Ke abaLevi bozuza isahlulo esinxulumene nomda wababingeleli, sibe ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, sibe lishumi lamawaka ububanzi; bonke ubude bube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka, nobubanzi bube lishumi lamawaka. 14Ke abayi kuthengisa ngento yaso, bangananisi ngayo, bangayidluliseli kwabanye intlahlela yelo zwe; ngokuba ingcwele kuYehova.
15Ke amawaka amahlanu aseleyo ebubanzini, kumawaka angamashumi amabini anamahlanu, àkangcwele; ngawomzi, ngawendawo yokuma neyephandle. 16Umzi woba sesazulwini sawo. Yiyo le imilinganiso: icala langasentla loba ngamawaka amané anamakhulu amahlanu, icala langasezantsi libe ngamawaka amané anamakhulu amahlanu, icala lasempumalanga libe ngamawaka amané anamakhulu amahlanu, icala lasentshonalanga libe ngamawaka amané anamakhulu amahlanu. 17Iphandle lomzi ngasentla loba ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasezantsi libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasempumalanga libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasentshonalanga libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu.
18Okuseleyo ebudeni obunxulumene nomrhumo ongcwele, koba ngamawaka alishumi ngasempumalanga, kube ngamawaka alishumi ngasentshonalanga; onxulumana nomrhumo ongcwele; ungeniselo lwawo lube kukudla kwabasebenzi bawo umzi. 19Abasebenzi abo ke bomzi bowalima, bengabasezizweni zonke zakwaSirayeli. 20Umrhumo wonke woba ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ububanzi; isahlulo sesiné somrhumo ongcwele nòsirhumela ukuba sibe sesomzi lowo.
21Indawo eseleyo yoba yeyesikhulu, ngapha nangapha komrhumo ongcwele, nakwinzuzo yomzi; ngaphambi kwamawaka angamashumi amabini anamahlanu omrhumo, ide iye emdeni wasempumalanga, nangasentshonalanga phambi kwamawaka angamashumi amabini anamahlanu, ngasemdeni wentshonalanga, inxulumene nezinye izahlulo, yoba yeyesikhulu; umrhumo ongcwele nengcwele yayo indlu yoba sesazulwini sayo. 22Kuthabathela ke enzuzweni yabaLevi, kuthabathela enzuzweni yomzi, esazulwini senzuzo yesikhulu, phakathi komda kaYuda nomda kaBhenjamin, koba kokwesikhulu.
23Eziseleyo ke izizwe: kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uBhenjamin woba necandelo elinye. 24Ngasemdeni ke kaBhenjamin, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uSimon, libe linye. 25Ngasemdeni ke kaSimon, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uIsakare, libe linye. 26Ngasemdeni ke kaIsakare, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uZebhulon, libe linye. 27Ngasemdeni ke kaZebhulon, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uGadi, libe linye. 28Ngasemdeni ke kaGadi, ngasecaleni lasezantsi, ngasezantsi, umda wothabathela kwaTamare, use emanzini embambano aseKadeshe, ukhweze umlambo, use kulo ulwandle olukhulu.
29Lilo elo ilizwe eniya kulabela izizwe zakwaSirayeli ngamaqashiso, ngokwamafa. Zizo ezo izahlulo zalo, itsho iNkosi uYehova.
Amasango negama lomzi
30Zizo ezi iziphelo zamacala omzi: ngecala langasentla ngamawaka amané anamakhulu amahlanu, umlinganiso ngengcongolo;• 31amasango omzi oba ngokwamagama ezizwe zakwaSirayeli, ibe ngamasango amathathu ngasentla: ibe lisango likaRubhen elinye, ibe lisango likaYuda elinye, ibe lisango likaLevi elinye. 32Ngecala lasempumalanga yoba ngamawaka amané anamakhulu amahlanu eengcongolo; amasango ke mathathu: ibe lisango likaYosefu elinye, ibe lisango likaBhenjamin elinye, ibe lisango likaDan elinye. 33Ngecala langasezantsi, umlinganiso yoba ngamawaka amané anamakhulu amahlanu; amasango ke mathathu: ibe lisango likaSimon elinye, ibe lisango likaIsakare elinye, ibe lisango likaZebhulon elinye. 34Ngecala lasentshonalanga yoba ngamawaka amané anamakhulu amahlanu; amasango ke awo mathathu: ibe lisango likaGadi elinye, ibe lisango lika-Ashere elinye, ibe lisango likaNafetali elinye. 35Ukujikeleza ke lishumi elinesibhozo lamawaka eengcongolo. Igama lawo umzi kothiwa kususela kuloo mini, nguYehova-ekhona.

Currently Selected:

UHEZEKILE 48: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy