YouVersion Logo
Search Icon

IZENZO 2

2
Isipho soMoya oyiNgcwele
1Ke kaloku, ekuzalisekeni kwawo umhla wepentekoste,• baye bonke bemxhelo mnye ndaweni-nye. 2Kwaza ngequbuliso kwaphuma ezulwini isandi esinjengesomoya ovuthuza ngamandla, sayizalisa indlu yonke ababehleli kuyo. 3Kwabonakala kubo iilwimi ezabekayo, ngathi zezomlilo, lwaolo lwahlala phezu kwabo bonke ngabanye. 4Bazaliswa bonke nguMoya oyiNgcwele, baqala ukuthetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wayebanika ukuba bathethe baphimisele.
5Ke kaloku kwakumi eYerusalem apho amaYuda, amadoda awoyika uThixo, evela kuzo zonke iintlanga eziphantsi kwezulu. 6Sithe ke sakubakho esi sandi, yabuthelana inkitha, yadubadubeka, ngokuba bonke ngabanye babebeva bona bethetha ngezakomawabo iintetho. 7Bathi nqa ke bonke, bamangaliswa, wathi omnye komnye, Kanene aba bonke bathethayo asingamaGalili na? 8Kutheni na ke ukuba sibeve nje sonke ngabanye bethetha ngezakomawethu iintetho, esazalelwa kuzo? 9Thina maParti, namaMedi, namaElam, nathi simiyo kwelaseMesopotami, kwelakwaYuda kwanakwelaseKapadoki, kwelasePonto nakwelaseAsiya, 10kwelaseFrigi kwanakwelasePamfili, kwelaseYiputa, nasemacaleni elaseLibhi ngaseKirene, nathi bahambi baseRoma, síngamaYuda kwanabangeni ebuYudeni, 11thina maKrete nama-Arabhi, sibeva bona bezithetha ngezakomawethu iilwimi izinto ezinkulu zikaThixo.
12Bathi nqa ke bonke, bakhohlwa, omnye esithi komnye, Azi, ingaba ifuna ukuba yintoni na le nto? 13Abanye ke babehlekisa ngabo, besithi, Bahluthi yiwayini enencasa.
Intetho kaPetros ngomhla wepentekoste
14Ke kaloku uPetros, esuke wema nabalishumi elinamnye, waliphakamisa izwi lakhe, waphimisela ukuthetha, wathi kubo:
Madoda, maYuda, nani nonke nimiyo eYerusalem, makwazeke oku kuni, niwabekele iindlebe amazwi am. 15Aba àbanxilile, njengoko nina niba kunjalo, kuba kuselilixa lesithathu lemini.
16Oku khona koko kuthethiweyo ngomprofeti uYoweli, kwathiwa,
17Kuya kuthi ngayo imihla yokugqibela, utsho uThixo,
Ndimthulule uMoya wam phezu kwayo yonke inyama,
Baprofete oonyana benu neentombi zenu,
Athi amadodana enu abone imibono,
Namadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha;
18Ewe, ndaye, phezu kwabakhonzi bam, naphezu kwabakhonzazana bam, ngaloo mihla
Ndíya kumthulula uMoya wam, baprofete;
19Ndénze izimanga ezulwini phezulu,
Nemiqondiso emhlabeni phantsi,
Igazi, nomlilo, nentshinyela yomsi.
20Ilanga liya kusuka libe mnyama,
Ithi inyanga ibe ligazi,
Phambi kokuba ize imini yeNkosi,
Leyo inkulu ibalulekileyo.
21Baya kuthi bonke abasukuba belinqula igama leNkosi basindiswe.
(UYow. 2:28-32)
22Madoda, maSirayeli, waveni la mazwi: UYesu waseNazarete, indoda eqondakalisiweyo nguThixo kuni ngemisebenzi yamandla, nangezimanga, nangemiqondiso, awayenzayo uThixo ngayo phakathi kwenu, njengokuba nisazi nani ngokwenu: 23yena lowo, ekhutshwe ngecebo elimisiweyo likaThixo nangokwazi kwakhe kwenxa engaphambili, namthabatha ngezandla zabachasene nomthetho, nambethelela emnqamlezweni, namsika; 24athe uThixo wamvusa, eyikhulule inimba yokufa; ngokokuba ebengenako ukubanjwa kuko.
25Kuba uDavide uthi, esingisele kuye,
Ndahlala ndiyibona iNkosi phambi kwamehlo am,
Ngokuba ingasekunene kwam, ukuze ndingashukunyiswa.
26Ngenxa yoko intliziyo yam yaba nemihlali, lwagcoba ulwimi lwam;
Ngaphezu koko ke nenyama yam iya kuphumla inethemba;
27Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo.
Kananjalo akuyi kumnikela oyiNgcwele wakho ekuboneni ukubola.
28Wandazisa iindlela zobomi;
Ùya kundizalisa ngemihlali ngokubona ubuso bakho.
(INdum. 16:8-11)
29Madoda, bazalwana, mandivunyelwe ndithethe kuni ngokuphandle ngomawokhulu uDavide, ukuba wafa wangcwatywa; nengcwaba lakhe likho phakathi kwethu unanamhla. 30Ngoko, kuba engumprofeti, esazi nokwazi ukuba uThixo wamfungela isifungo sokuba esiqhameni sesinqe sakhe ngokwenyama uya kuvelisa uKristu,• ukuba ahlale phezu kwetrone yakhe: 31uthe ebona ngenxa engaphambili, wathetha ngako ukuvuka kukaKristu, ukuba umphefumlo wakhe ungashiywanga kwelabafileyo nenyama yakhe ingabonanga kubola.
32UThixo wamvusa lo Yesu, esingamangqina ako oko thina sonke. 33Ephakanyisiwe ngoko sisandla sokunene sikaThixo, elamkele kanjalo idinga loMoya oyiNgcwele kuYise, uthulule oku nikubonayo, nikuvayo, kalokunje nina. 34Kuba uDavide, enganyukanga waya emazulwini, ke uthi ngokwakhe,
Yathi iNkosi eNkosini yam,
Hlala ngasekunene kwam,
35Ndide iintshaba zakho ndizenze isihlalo seenyawo zakho.
(INdum. 110:1)
36Ngoko mayazi ngokuqinisekileyo yonke indlu kaSirayeli, ukuba uThixo wamenza iNkosi noKristu, kwayena lo Yesu nambethelelayo emnqamlezweni nina.
37Ke kaloku bathe, bakukuva oko, bahlabeka entliziyweni, bathi kuPetros nakwabanye abapostile,• Madoda, bazalwana, síthini na? 38Uthe ke uPetros kubo, Guqukani nibhaptizwe nonke ngabanye egameni likaYesu Kristu, ukuze nixolelwe izono, namkele isipho soMoya oyiNgcwele. 39Kuba idinga likuni, nakubantwana benu, nakubo bonke abakude, esukuba iNkosi uThixo wethu iya kubabiza.
40Nangamanye amazwi amaninzi wayeqononondisa, evuselela esithi, Zisindiseni kwesi sizukulwana sigoso. 41Bathe ke ngoko, ábalamkele ilizwi lakhe ngovuyo, babhaptizwa; kongezelelwa ngaloo mini imiphefumlo engathi imawaka mathathu.
Intlalo yebandla lamaKristu
42Baye ke bezingisa ukuhlala emfundisweni yabapostile, nasebudlelaneni, nasekuqhekezeni isonka, nasemithandazweni.
43Ke kaloku kwabakho ukoyika kwimiphefumlo yonke; kwenzeka izimanga ezininzi kwanemiqondiso ngabapostile. 44Bonke ke ababekholwa babendawonye, benobudlelane ngeento zonke. 45Baye bethengisa nangemihlaba nangempahla yabo, babele bonke, njengoko ebethi ubani aswele ngako.
46Babezingisa ukuhlala bemxhelo mnye etempileni imihla ngemihla, beqhekeza isonka kwizindlu ngezindlu, besidla ukudla benemigcobo, benolungelelwano lwentliziyo, 47bemdumisa uThixo, benonelelwe ngabantu bonke. Yaye iNkosi isongeza abasindiswayo imihla ngemihla kulo ibandla.

Currently Selected:

IZENZO 2: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy