YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEKORINTE II 1

1
Umbuliso nombulelo
1UPawulos, umpostile• kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana, ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, kunye nabo bonke abangcwele abakwelaseAkaya liphela: 2uthi, makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo, uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.
3Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, uSozimfefe, uThixo onako konke ukuthuthuzela, 4osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sibe nako ukubathuthuzela abakwinto yonke eyimbandezelo, ngayo intuthuzelo esithuthuzelwa ngayo nathi nguye uThixo. 5Ngokuba, njengokuba iintlungu zikaKristu ziphuphumela kuthi, ngokunjalo ithi nentuthuzelo yethu iphuphume ngoKristu. 6Nokuba na ke siyabandezelwa, oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina, ukusindisa ke okusebenzayo ngokunyamezela kwenu kwa-ezo ntlungu sizivayo nathi; nokuba na ke siyathuthuzelwa, oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina. 7Kanjalo ithemba lethu ngani liqinisekile; sisazi ukuba, njengokuba ningamadlelane nathi ngazo iintlungu, ngokunjalo niyakuba ngawo nangentuthuzelo.
8Kuba asithandi ukuba ning ayazi, bazalwana, imbandezelo yethu eyasihlelayo kwelaseAsiya: ukuba saxineka ngokuncamisileyo, ngaphezu kwamandla ethu, ngokokude sibuncame kanye nobomi. 9Sasuka ngokwethu saba nesigwebo sokufa ngaphakathi kwethu, ukuze singabi ngabasazithembayo, sithembele kuThixo lo ubavusayo abafileyo; 10owasihlangulayo ekufeni okungako, osihlangulayo nangoku; esithembele kuye ukuba usaya kusihlangula: 11nakubon' ukuba niyancedisa nani ngokusikhungela, ukuze isipho esingokubabalwa, esenzelwe sona thina ngabantu abaninzi, sibulelwe ngabaninzi ngenxa yethu.
Iinjongo ezimsulwa zikaPawulos
12Kuba oko kuqhayisa kwethu kukungqina kwesazela sethu, ukuba sithe ehlabathini apha, ngokukodwa ke kuni, sahlala singabangenakumbi, sinokungcwengeka okuvela kuThixo, singenabulumko bubobenyama, sinobabalo lukaThixo. 13Kuba asinibhaleli zimbi izinto, ikwazezo nizilesayo, nizaziyo kakuhle. Ndiyathemba ke ukuba niya kuzazi kakuhle, kude kuse nasekupheleni, 14njengokuba nasaziyo kakuhle ngokuyinxenye, ukuba siliqhayiya lenu, kwanjengokuba nani nilelethu ngemini yeNkosi uYesu.
Ukurhoxiswa kotyelelo lukaPawulos
15Ndinaloo nkoloseko ke, ndanqwenela ukunga ndingeza kuni kuqala, ukuze nibabalwe okwesibini; 16ndíze ndicande kuni ukuya kwelaseMakedoni; ndibuye, ndivela kwelaseMakedoni, ndize kuni, ndiphelekelelwe nini ukuya kwelakwaYuda.
17Xa ngoko ndandifuna oko, ndandifeketha na kanti? Okanye izinto endizicebayo, ndiziceba ngokwenyama yini na ukuze nje kubekho kum uewe, ewe; 18nohayi, hayi? Ethembekile nje ke uThixo, ilizwi lethu kuni alibanga nguewe nohayi. 19Kuba yena okaThixo uNyana, uYesu Kristu, owavakaliswayo phakathi kwenu sithi (ndim ke noSilvano noTimoti), akabanga nguewe nohayi; kuye nguewe kwakanye; 20kuba ngangoko angako amadinga kaThixo, uewe ukuye, noamen ukuye, ukuze kuzukiswe uThixo ngathi. 21Osiqiniselayo ke ndawonye nani kuKristu, osithambisayo ke, nguThixo; 22ositywine wasiqinisa, wasinika isinyaniso soMoya, saba sezintliziyweni zethu.
23Mna ke ndibiza uThixo, ukuba abe lingqina emphefumlweni wam, ukuba kungokunivela, endithe ndaba andikezi eKorinte. 24Anditsho ngakulugagamela ukholo lwenu; nditsho ngokuba singabasebenza nani uvuyo lwenu; kuba nimi ngokholo.

Currently Selected:

KWABASEKORINTE II 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy