YouVersion Logo
Search Icon

KWABASEKORINTE I 16

16
Ukukhongozelela amahlwempu aseYerusalem
1Ke kaloku, ngokubuthwa kwemali yokusiza abangcwele, njengokuba ndawamiselayo amabandla kaThixo akwelaseGalati, yenzani ngokunjalo nani. 2Ngolokuqala usuku, iiveki ngeeveki, elowo kuni makabeke ekhaya, eqweba, into asukuba esikelelwe ngayo; ukuze kungathi, ndakuba ndifikile, kwandule ukubuthwa imali. 3Ke ndakuba ndifikile, enisukuba nibacikidile nakholwa ngabo, ndobathuma bona benencwadi, base isipho senu esi eYerusalem. 4Ke ukuba kuthe kwabonakala ukuba nam ndiye, bohamba kunye nam.
Iinjongo zikaPawulos; imicimbi engabantu; imibuliso
5Ndiya kuza ke kuni, xa ndithe ndacanda kwelaseMakedoni, kuba ndiya kwanela ukucanda nje kwelaseMakedoni. 6Ke kuni mhlawumbi ndingáthi ndihlale ndidlulise nobusika, ukuze nina nindiphelekelele apho ndisukuba ndisiya khona. 7Kuba andithandi ukuba ndinibone ngoku ndidlulayo; kodwa ndithemba ukuba ndokha ndihlale kuni ixesha elithile, ukuba iNkosi ithe yavuma. 8Ndiya kuhlala ke e-Efese kude kubekho ipentekoste;• 9kuba ndivulelwe umnyango omkhulu onamandla, bebaninzi nabachasi.
10Ke kaloku, ukuba uTimoti uthe wafika, ize nikhangele ukuba angabi nakoyika phakathi kwenu; kuba uyawusebenza umsebenzi weNkosi, kwanjengam. 11Ize kungabikho bani ngoko umenza into engento. Mphelekeleleni ke nixolile, ukuze eze kum; kuba ndimlindile kunye nabazalwana.
12Ke kaloku, ngaye uApolo umzalwana, ndamvuselela kakhulu, ukuba eze kuni kunye nabazalwana. Kuye akubangakho kanye ukuthanda ukuza okwakalokunje; woza ke, xa athe wanethuba elilungileyo.
13Phaphani, yimani elukholweni; yibani ngamadoda; yomelelani. 14Zonke izinto zenu mazenziwe ninothando.
15Ke kaloku ndiyanivuselela, bazalwana (niyayazi indlu kaStefana, ukuba iyintlahlela yelaseAkaya, nokuba bazimisele ukulungiselela abangcwele), 16ukuze nani nibalulamele abanjalo, nabo bonke abasebenzisana nathi emsebenzini, nababulalekayo. 17Ndiyavuya ke ngokufika kukaStefana noFortunato noAkayiko; ngokuba bakwenzelelele bona ukungabikho kwenu; 18kuba bawuphumzile umoya wam nowenu. Bazini kakuhle ngoko abanjalo.
19Ayanibulisa amabandla kaThixo akwelaseAsiya. Bayanibulisa kunene eNkosini uAkwila noPrisila, kunye nebandla elisendlwini yabo. 20Bayanibulisa abazalwana bonke. Bulisanani ngolwango olungcwele.
21Umbuliso ungesam isandla, mna Pawulos. 22Ukuba ubani akayithandi iNkosi uYesu Kristu, makasingelwe phantsi. 23INkosi iyeza. Ubabalo lweNkosi uYesu Kristu malube nani. 24Uthando lwam malube nani nonke bakuKristu Yesu. Amen.

Currently Selected:

KWABASEKORINTE I 16: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy