YouVersion Logo
Search Icon

IZIKRONIKE I 1

1
Imilibo yezizalwana
1UAdam, uSete, uEnoshe, 2uKenan, uMahalaleli, uYerede, 3uEnoki, uMetusela, uLameki, 4uNowa, uShem, uHam, uYafete.
5Oonyana bakaYafete nguGomere, noMagogi, noMadayi, noYavan, noTubhali, noMesheki, noTirasi. 6Oonyana bakaGomere nguAshekenazi, noDifati, noTogarma. 7Oonyana bakaYavan nguElisha noTarshishe, ngamaKiti, namaDodan.
8Oonyana bakaHam nguKushi, noMitserayim, noPuti, noKanan. 9Oonyana bakaKushi nguSebha, noHavila, noSabheta, noRama, noSabheteka. Oonyana bakaRama nguShebha noDedan. 10UKushi wazala uNimrodi, yena waqala waba ligorha emhlabeni. 11UMitserayim wazala amaLudi, nama-Anam, namaLehabhi, namaNafetuyi, 12namaPatrusi, namaKaseluyi, apho kwaphuma khona amaFilisti, namaKafetori. 13UKanan wazala uTsidon owamazibulo kuye, noHeti, 14namaYebhusi, nama-Amori, namaGirgashi, 15namaHivi, nama-Areki, namaSini, 16nama-Arvadi, namaTsemari, nama-Hamati.
17Oonyana bakaShem nguElan, noAsuri, noArpakishadi, noLudi, noAram, noUtse, noHuli, noGetere, noMesheki. 18UArpakishadi wazala uShela; uShela wazala uEbhere. 19UEbhere wazalelwa oonyana ababini, igama lomnye nguPelege,• ngokuba ngemihla yakhe bahlukahluka abemi bomhlaba; igama lomninawa wakhe belinguYoketan. 20UYoketan wazala uAlemodadi, noShelefe, noHatsaremavete, noYera, 21noHadoram, noUzali, noDikela, 22noEbhali, noAbhimayeli, noShebha, 23no-Ofire, noHavila, noYobhabhi. Bonke abo ngoonyana bakaYoketan.
24UShem, uArpakishadi, uShela, 25uEbhere, uPelege, uRehu, 26uSerugi, uNahore, uTera, 27uAbram (nguAbraham ke lowo).
28Oonyana baka-Abraham nguIsake noIshmayeli. 29Zizo ezi iinzala zabo: owamazibulo kuIshmayeli nguNebhayoti, noKedare, noAdebhele, noMibhesam, 30uMishama, noDuma, uMasa, uHadade, 31noTema, uYeture, uNafishi, noKedema. Ngabo abo oonyana bakaIshmayeli.
32Oonyana bakaKetura, ishweshwe lika-Abraham: wazala uZimran, noYokeshan, noMedan, noMidiyan, noIshbhaki, noShuwa. Oonyana bakaYokeshan nguShebha noDedan. 33Oonyana bakaMidiyan nguEfa, noEfere, noEnoki, noAbhida, noElidaha. Bonke abo ngoonyana bakaKetura.
34UAbraham wazala uIsake. Oonyana bakaIsake nguEsawu noSirayeli.
35Oonyana bakaEsawu nguElifazi, noRehuweli, noYehushe, noYalam, noKora. 36Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Omare, noTsefi, noGatam, noKenazi, noTimna, noAmaleki. 37-38Oonyana bakaRehuweli ngooNahati, noZera, noShama, noMiza. Oonyana bakaSehira nguLotan, noShobhali, noTsibheyon, noAna, noDishon, noEtsere, noDishan. 39Oonyana bakaLotan ngamaHori, noHonam; udade boLotan nguTimna. 40Oonyana bakaShobhali nguAleyan, noManahati, noEbhali, noShefi, no-Onam. Oonyana bakaTsibheyon nguAya noAna. 41Oonyana baka-Ana nguDishon. Oonyana bakaDishon nguHamran, noEshbhan noItran noKeran. 42Oonyana bakaEtsere nguBhilehan noZavan noYakan. Oonyana bakaDishan ngu-Utse noAran.
43Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani ubelawula oonyana bakaSirayeli; nguBhela unyana kaBhehore; igama lomzi wakhe liyiDinabha. 44Wafa uBhela; uYobhabhi unyana kaZera, waseBhotsera, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. 45Wafa uYobhabhi; uHusham, wasezweni lamaTeman, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. 46Wafa uHusham; uHadadi unyana kaBhedadi, owaxabela amaMidiyan emhlabeni wakwaMowabhi, waba ngukumkani esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe beliyiAviti. 47Wafa uHadadi; uSamla waseMasereka waba ngukumkani esikhundleni sakhe. 48Wafa uSamla; uSawule, waseRehobhoti yoMlambo,• waba ngukumkani esikhundleni sakhe. 49Wafa uSawule; uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. 50Wafa uBhahali-hanan; uHadadi waba ngukumkani esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe beliyiPahi; igama lomkakhe belinguMehetabheli, intombi kaMatrede, intombi kaMezahabhi. 51Wafa uHadadi.
Izikhulu zakwaEdom zezi: isikhulu esinguTimna, isikhulu esinguAliya, isikhulu esinguYetete, 52isikhulu esinguAholibhama, isikhulu esinguEla, 53isikhulu esinguPinon, isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguTeman, isikhulu esinguMibhetsare, 54isikhulu esinguMagediyeli, isikhulu esinguIram. Zizo ezo izikhulu zakwaEdom.

Currently Selected:

IZIKRONIKE I 1: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy