YouVersion Logo
Search Icon

IZIKRONIKE I 2

2
Imilibo yezizalwana
1Ngabo aba oonyana bakaSirayeli: nguRubhen, noSimon, noLevi, noYuda, 2noIsakare, noZebhulon, noDan, noYosefu, noBhenjamin, noNafetali, noGadi, noAshere.
3Oonyana bakaYuda nguEre, no-Onan, noShela. Abo bathathu wabazalelwa yintombi kaShuwa, umKananekazi. Ke uEre, amazibulo kaYuda, ebenobubi emehlweni kaYehova; wambulala. 4UTamare, umolokazana wakhe, wamzalela uPeretse noZera. Bebonke oonyana bakaYuda bahlanu. 5Oonyana bakaPeretse nguHetseron, noHamuli. 6Oonyana bakaZera nguZimri, noEtan, noHaman, noKalekole, noDara; bebonke bahlanu. 7Oonyana bakaKarmi nguAkare, owawahlisela ishwangusha amaSirayeli, wenza ubumenemene entweni esingelwe phantsi. 8Oonyana bakaEtan nguAzariya.
9Oonyana bakaHetseron awabazalelwayo: nguYerameli, noRam, noKelubhayi. 10URam wazala uAminadabhi; uAminadabhi wazala uNashon, inkulu yoonyana bakaYuda. 11UNashon wazala uSalima; 12uSalima wazala uBhohazi; uBhohazi wazala uObhede; uObhede wazala uYese.
13UYese wazala uEliyabhi, amazibulo akhe, noAbhinadabhi owesibini, noShama owesithathu, 14noNataniyeli owesiné, noRadayi owesihlanu, 15no-Otsem owesithandathu, noDavide owesixhenxe. 16Oodade babo baye bengooTseruya noAbhigali. Oonyana bakaTseruya nguAbhishayi, noYowabhi, noAsaheli; bathathu. 17UAbhigali wazala uAmasa; uyise ka-Amasa ebenguYetere, umIshmayeli.
18UKalebhi, unyana kaHetseron, wazala ngoAzubha umkakhe nangoYerihoti. Ngabo aba oonyana bakhe: uYeshere, noShobhabhi, noArdon. 19Wafa uAzubha; uKalebhi wazeka uEfrata; wamzalela uHuri. 20UHuri wazala u-Uri, u-Uri wazala uBhetsaleli. 21Emveni koko wayingena uHetseron intombi kaMakire, uyise kaGiliyadi, wayizeka eminyaka imashumi mathandathu ezelwe; yamzalela uSegubhi. 22USegubhi wazala uYahire; wayenemizi engamashumi amabini anamithathu ezweni laseGiliyadi. 23UGeshuri noAram bathabatha kubo iHavoti-yahire, neKenati, namagxamesi ayo: imizi engamashumi omathandathu. Bonke aba babengoonyana bakaMakire, uyise kaGiliyadi. 24Emva kokufa kukaHetseron kwaKalebhi yakwaEfrata, umkaHetseron, uAbhiya, wamzalela uAsuri, uyise ozala amaTekowa.
25Oonyana bakaYerameli, amazibulo kaHetseron, babengooRam amazibulo akhe, noBhuna, no-Oren, no-Otsem, noAhiya. 26UYerameli ebenomnye umfazi, igama lakhe linguAtara; ubengunina kaOnam. 27Oonyana bakaRam, amazibulo kaYerameli, babenguMahatse, noYamin, noEkere. 28Oonyana bakaOnam babenguShamayi, noYada. Oonyana bakaShamayi nguNadabhi, noAbhishure. 29Igama lomka-Abhishure nguAbhihayili; 30wamzalela uAbhan, noMolidi. Oonyana bakaNadabhi nguSelede, noApayim; wafa uSelede engazalanga. 31Oonyana baka-Apayim nguIshi. Oonyana bakaIshi nguSheshan. Oonyana bakaSheshan nguAlayi. 32Oonyana bakaYada, umninawa kaShamayi, nguYetere noYonatan. Wafa uYetere engazalanga. 33Oonyana bakaYonatan nguPelete noZaza. Ngabo abo oonyana bakaYerameli. 34USheshan ebengenanyana; ibiziintombi zodwa. USheshan ebenomkhonzi ongumYiputa; igama lakhe belinguYar-ha. 35USheshan wamnika uYar-ha umkhonzi wakhe intombi yakhe, ukuba ibe ngumfazi; yamzalela uAtayi. 36UAtayi wazala uNatan; uNatan wazala uZabhadi. 37UZabhadi wazala uEfelali; uEfelali wazala uObhede; 38uObhede wazala uYehu; uYehu wazala uAzariya; 39uAzariya wazala uHeletse; uHeletse wazala uElasa; 40uElasa wazala uSisamayi; 41uSisamayi wazala uShalum; uShalum wazala uYekamiya; uYekamiya wazala uElishama.
42Oonyana bakaKalebhi, umkhuluwa kaYerameli, nguMesha amazibulo akhe, obenguyise wabaseZifi, noonyana bakaMaresha, uyise kaHebron. 43Oonyana bakaHebron nguKora, noTapuwa, noRekem, noShema. 44UShema wazala uRaham, uyise kaYorkeham; uRekemwazala uShamayi. 45Unyana kaShamayi nguMahon; uMahon nguyise wabaseBhete-tsure. 46UEfa, ishweshwe likaKalebhi, wazala uHaran, noMotsa, noGazeze; uHaran wazala uGazeze. 47Oonyana bakaYadayi nguRegem, noYotam noGeshan, noPelete, noEfa, noShahafe. 48UMahaka, ishweshwe likaKalebhi, wazala uShebhere, noTir-hana; 49wazala noShahafe, uyise wabaseMademana, noSheva uyise wabaseMakebhena, noyise wabaseGibheha; intombi kaKalebhi ibinguAkesa.
50Ngabo aba oonyana bakaKalebhi: ngoonyana bakaHuri, amazibulo kaEfrata; uShobhali ozala amaKiriyatiyeharim; uSalima, 51uyise wabaseBhetelehem; uHarefe, uyise wabaseBhete-gadere. 52UShobhali, uyise wabaseKiriyati-yeharim, ebenoonyana: uHarowe, noHatsihamenukoti. 53Imizalwane yaseKiriyati-yeharim ngamaItri, namaPuti, namaShumati, namaMisherayi. Baphuma kuyo abaseTsorati, namaEshtawoli. 54Oonyana bakaSalima ngabaseBhetelehem, nabaseNetofa, abaseAteroti yendlu kaYowabhi, nabaseHazi-hamanati, nabaseTsora. 55Imizalwane yababhali, abemi baseYabhetse, ngabaseTira, ngabaseShemiha, ngabaseSuka. La ngamaKeni avela kuHamati, uyise wabendlu kaRekabhi.

Currently Selected:

IZIKRONIKE I 2: XHO75

Highlight

Share

Copy

None

Want to have your highlights saved across all your devices? Sign up or sign in

YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy