1
INTSHUMAYELI 1:18
IZIBHALO EZINGCWELE
Ngokuba ebuninzini bobulumko kukho ukuhlelwa sisiyengelezane esininzi; owongeza ukwazi, wongeza umvandedwa.
Compare
Explore INTSHUMAYELI 1:18
2
INTSHUMAYELI 1:9
Into eyayikho yeya kubuya ibekho; into eyenzekáyo yeya kubuya yenzeke yona. Akukho nto intsha phantsi kwelanga.
Explore INTSHUMAYELI 1:9
3
INTSHUMAYELI 1:8
Zonke izinto ziyazixhamla; umntu akanako ukuzithetha; alihlúthi iliso kukubona, ayizali indlebe kukuva.
Explore INTSHUMAYELI 1:8
4
INTSHUMAYELI 1:2-3
Amampunge awo amampunge, itsho iNtshumayeli; amampunge awo amampunge, yonke into ingamampunge. Únalungelo lini umntu emigudwini yakhe yonke, ayenzayo phantsi kwelanga?
Explore INTSHUMAYELI 1:2-3
5
INTSHUMAYELI 1:14
Ndazikhangela zonke izenzo ezenzékayo phantsi kwelanga; yabona, zonke zingamampunge nokusukelana nomoya.
Explore INTSHUMAYELI 1:14
6
INTSHUMAYELI 1:4
Kumka esinye isizukulwana, kulandele esinye isizukulwana; ke lona ihlabathi limi ngonaphakade.
Explore INTSHUMAYELI 1:4
7
INTSHUMAYELI 1:11
Akukho kukhumbula abokuqala; nabasemva abaya kubakho, abayi kukhunjulwa ngabaya kuza emva kwabo.
Explore INTSHUMAYELI 1:11
8
INTSHUMAYELI 1:17
Intliziyo yam ndayinikela ekwazini ubulumko, nasekwazini ubugeza nobuyatha; kwanaloo nto ndayiqonda ukuba kukusukelana nomoya.
Explore INTSHUMAYELI 1:17
YouVersion uses cookies to personalize your experience. By using our website, you accept our use of cookies as described in our Privacy Policy
Home
Bible
Plans
Videos