KwabaseRoma KwabaseRoma 13

KwabaseRoma 13
1Yonke imiphefumlo mayiwalulamele amagunya awongamileyo. Kuba akukho gunya lingelilo elivela kuThixo; amagunya ke akhoyo amiswe nguThixo. 2Ngoko ke, umntu olichasayo igunya umelana nommiselo kaThixo; 3Kuba abaphathi aba asingabokoyikwa kwimisebenzi elungileyo, ngabokoyikwa kwemibi, ungawoyiki na ke amandla? yenza okulungileyo, wodunyiswa kwalilo; 4kuba lingumlungiseleli kaThixo, wokuba kulungele wena. Ke, ukuba uthe wenza okubi, yoyika; kuba alifumane aliphathe ikrele; kuba lingumlungiseleli kaThixo, umphindezeli ngengqumbo kowenza okubi. 5Kungoko ndithi, kufuneka ukulilulamela, ningakwenzi oko ngenxa yengqumbo yodwa, nikwenze nangenxa yesazela. 6Kungenxa yoko le nto ninikela irhafu; kuba ngababusi bakaThixo, bezingisa ukusebenza loo nto. 7Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo: lowo kufuneka irhafu kuye, mnike irhafu; isiko kubani; ukoyika kofanelwe kukoyikwa; imbeko kofanelwe yimbeko. 8Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana; kuba omthandayo omnye uzalise umthetho. 9Kuba oku kuthi, Uze ungakrexezi, uze ungabulali, uze ungebi, uze ungangqini ubuxoki, uze ungakhanuki; Ukuba ke kukho wumbi umthetho, uqondwa ngokufutshane kweli lizwi lokuthi, Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. 10Uthando alusebenzi bubi kuye ummelwane; ngoko ke uthando luyinzaliseko yomthetho. 11Ke oko masikwenze, silazi nje ixesha eli, ukuba lilixa ngoku lokuba sivuke ebuthongweni; kuba ngoku usindiso lukufuphi kuthi, kunokuya saqalayo ukukholwa. 12Ubusuku buhambile, ukusa ke kusondele. Masiyilahle ngoko imisebenzi yobumnyama, sixhobe iintonga zokukhanya. 13Masihambe sinyanisekile, njengasemini; kungekhona eburheletyweni, nasekunxileni, kungekhona eburheletyweni; 14Yambathani ke iNkosi uYesu Kristu;

高亮显示

分享

复制

None

想要在所有设备上保存你的高亮显示吗? 注册或登录