IINDUMISO 54
54
Ukucela ukukhuselwa ezintshabeni
Kumbhexeshi-kwayara; ikhatshwa ziintambula; umbongo kaDavide, ngexesha amaZiti exelela uSawule ukuba uDavide uzimele kuwo.
1Ngegunya lakho ndisindise, Thixo;
ngamandla akho undikhulule.
2Wuphulaphule umthandazo wam,
sive isikhalo sam, Thixo.
3Iintlanga ziyandihlasela;
izikhohlakali zizungula ukundibulala.
Zona azimkhathalele nganto uThixo.
4Kodwa ke umncedi wam nguThixo,
umxhasi wam nguMhlekazi.
5Ngamana wayibuyisela kwasezintshabeni zam inkohlakalo yazo.
Zibhangise, kuba uthembekile wena.
6*Ndikhoyo, ndilangazelela ukukwenzela umbingelelo.
Ndiyabulela kuwe, kuba wena ulungile.
7Kuzo zonke iingxaki zam wena undihlangule;
ukoyiswa kweentshaba zam ndikubone ngamehlo.
Àwon tá yàn lọ́wọ́lọ́wọ́ báyìí:
IINDUMISO 54: XHO96
Ìsàmì-sí
Pín
Daako

Ṣé o fẹ́ fi àwọn ohun pàtàkì pamọ́ sórí gbogbo àwọn ẹ̀rọ rẹ? Wọlé pẹ̀lú àkántì tuntun tàbí wọlé pẹ̀lú àkántì tí tẹ́lẹ̀
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.