Iziphumo zokukhangela
UYOHANE 3:16 (XHO75)
Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.
KWABASEROMA 5:8 (XHO75)
ke yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi, sakubon' ukuba sisengaboni, uKristu asifele.
KWABASEKORINTE I 13:4 (XHO75)
Uthando luzeka kade umsindo, lunobubele; uthando alunamona; uthando alugwagwisi;
KWABASEKORINTE I 13:5 (XHO75)
alukhukhumali; alwenzi okuziintloni; alufuni okukokwalo kodwa;
KWABASEKORINTE I 13:6 (XHO75)
alucaphuki; alunanzondo; aluvuyeli kungalungisi; luvuyisana nenyaniso.
KWABASEKORINTE I 13:7 (XHO75)
Luthwala iinto zonke; lukholwa ziinto zonke; luthemba iinto zonke; lunyamezela iinto zonke.
ULUKA 6:35 (XHO75)
Ke nina , zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembe lutho. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nize nibe ngoonyana bOsenyangweni; ngokuba yena enobubele kwabangabuleliyo nabangendawo.
KAYOHANE I 4:8 (XHO75)
Lowo ungenaluthando akazanga amazi uThixo, ngokuba uThixo uluthando.
KAYOHANE I 4:9 (XHO75)
Kwabonakaliswa ngale nto ukusithanda kukaThixo, ngokuthi uThixo amthume ehlabathini uNyana wakhe, ekuphela kwamzeleyo, ukuze sidle ubomi naye.
KAYOHANE I 4:10 (XHO75)
Uthando lulapha, ingekukuba samthandayo uThixo thina, ikukuba wasithandayo yena, wamthuma uNyana wakhe ukuba abe sisicamagushelo sezono zethu.
KAYOHANE I 4:19 (XHO75)
Thina siyamthanda, ngokuba yena wasithanda kuqala.
KWABASEROMA 8:38 (XHO75)
Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo, nabuphakamo,
KWABASEROMA 8:39 (XHO75)
nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu.
KAYOHANE II 1:6 (XHO75)
Lulo ke olu uthando, ukuba sihambe ngokwemithetho yakhe. Nguwo lo umthetho, njengokuba nevayo kwasekuqalekeni, ukuba nihambe kuwo.
KWABASEROMA 13:10 (XHO75)
Uthando alusebenzi bubi kuye ummelwane; ngoko uthando luyinzaliseko yomthetho.
KUMAHEBHERE 13:1 (XHO75)
Uthando lobuzalwana maluhlale luhleli.
KWABASEROMA 12:9 (XHO75)
Uthando malungabi naluhanahaniso; kuthiyeni okungendawo, namathelani kokulungileyo.
KWABASEKOLOSE 1:8 (XHO75)
owasazisayo nokusazisa uthando lwenu lwaseMoyeni.
KWABASEKORINTE II 2:8 (XHO75)
Kungoko ndiniyalayo, ndíthi, luzinziseni uthando kuye;
IMIZEKELISO 10:12 (XHO75)
Intiyo ixhokonxa ingxabano; Uthando lugubungela zonke izono.
KWABASEKOLOSE 3:14 (XHO75)
Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalékani uthando, oluyintambo yogqibelelo.
UMATEYU 24:12 (XHO75)
Nangenxa yokwanda kokuchasa umthetho, luya kuphola uthando lwabaninzi.
UYOHANE 5:42 (XHO75)
Ndiyanazi nina, ukuba uthando lukaThixo aninalo ngaphakathi kwenu.
KWABASEKORINTE I 16:24 (XHO75)
Uthando lwam malube nani nonke bakuKristu Yesu. Amen.
UYOHANE 15:13 (XHO75)
Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe.