Ubuhlobo NoyesuIsampulu

Friendnds yeuThixo
Hayi indlela ekukuhle ngayo kumdali wendalo iphela, ukumkani wabo bonke ookumkani ukuba asibize ngokuba singabahlobo Bakhe. Wabaxelela abafundi bakhe ukuba “nizizihlobo zam nina” ukuba nithe nenza ezo zinto ndiniyalela zona. usixelela ukuba singabahlobo Bakhe xa sithobela umthetho waKhe. Uthini lo myalelo Wawunikelayo? Ukuba sithandane njengoko wasithandayo naye. Ubuhlobo bubudlelwane bothando olunzulu nolunyanisekileyo. Masazi ke ukuba , asisezozicaka kodwa singabahlobo. Kukho abantu abambalwa esibabona kwizibhalo ekubhekiselwa kubo njengabahlobo bakaThixo: UAbraham ubizwa ngokuba sisihlobo sikaThixo kwincwadi yesi-2 yeziKronike ngenxayomnqophiso kaThixo kunye naye, ubuhlobo obunzulu bakhula phakathi kwakhe noThixo, uSirayeli imbewu yakhe yalidla ilifa ilizwe elo. . Kwakhona uMoses kubhekiselwa kuye njengomhlobo kaThixo, njengoko sibona uThixo ethetha naye njengomhlobo kumhlobo. Hayi ubunzulu bothando nokusondelelana!
Ngomsebenzi ogqityiweyo kaKristu emnqamlezweni phezu kwentaba yeKalvari , siyakwazi ukungena kwindawo yobudlelane, yobuqabane, nokusondelelana.Naye ebonakala ngokuphandle, ukunyaniseka, nokungafihlisi. Abahlobo bokwenene bayakhululeka omnye komnye ukuze kungabikho mfihlo enokubangela ukuba niphulukane nokuthembana. Ubuhlobo bethu noYesu kufuneka bucace njengekristale busingisele kwiziphumo ezingunaphakade.
Malunga nesi Sicwangciso

Ubuhlobo yinxalenye ebalulekileyo yobomi. UYesu simgqala njengezinto ezininzi kubomi bethu. Umzekelo, unguMsindisi wethu, umhlanguli, umlungiseleli, phakathi kwezinye izinto azizo. Amaxesha amaninzi asiye simthathe njengomhlobo wethu wenene. Phakathi kwazo zonke ezinye izinto azizo kuthi, Ungumhlobo wenene kwaye bonke obunye ubuhlobo bunokuzalisekiswa kwisiseko sobuhlobo noYesu.. Esi sifundo sifuna ukuhlolisisa uYesu njengenkosi yobuhlobo kunye nendlela yokuba ngumhlobo kaThixo.
More
Sithanda ukubulela Donald Mqwathi ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: facebook.com/donald.mqwathi?_rdc=1&_rdr