Uxolo olulahlekileyoIsampulu

Uxolo Lwekamva
Sihlala siziva siswele uxolo xa singenazo zonke iipisi zesicwangciso sobomi bethu. Xa singayazi ukuba imeko iya kwenzeka njani, okanye xa siziva ngathi asikwazi ukulawula isiphumo, siyakhathazeka. Kodwa sinokufumana uxolo kwindlela yokujonga entsha.
Sisenokungazi ukuba ikamva lisiphathele ntoni thina, kodwa siyazi ukuba ikamva liza kuphela njani xa sisonke—ekubuyeni kukaYesu ukuze alungise bonke ububi. Nali ikroba kwiSityhilelo 21:
“‘Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo. Kungabi sabakho kufa’ Kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; Ngokuba izinto zokuqala zigqithile.” Waza lowo uhleli phezu kwetrone wathi, "Ùyabona, izinto zonke ndizenza ntsha!” … iSityhilelo 21:4-5 XHO75
Olo lwazi lunokulondoloza iintliziyo zethu ngoxolo kuba kungakhathaliseki ukuba sijamelana naziphi na izilingo, siyazi ukuba uThixo uya kweyisa ekugqibeleni.
UYesu wasikhumbuza oku kuYohane 14 xa wayexelela abafundi bakhe ukuba akufuneki bakhathazeke ngendawo awayesiya kuyo kuba wayebalungiselela indawo endlwini kaYise. Ngoko, sinokuba noxolo lwangoku ngenxa yendawo yethu kwikamva.
Ngoku, loo nto ayithethi ukuba sinethemba nje lokuphila ngonaphakade kwaye singenzi nto emhlabeni. Kunoko, sinoxolo olusiqhubela esenzweni—ukuzisa ngakumbi uBukumkani bukaThixo emhlabeni ngokuba ngabenzi boxolo, ukwabelana ngokholo lwethu, ukuthanda abanye, ukuseva abanye, nokusebenzisa iziphiwo zethu ukuze kuzukiswe Yena. Yaye xa sisenjenjalo, sizisa uxolo lukaThixo—ukugqibelela—kwihlabathi eliqhekekileyo.
Jonga nje lo mthandazo ucela umngeni esiwufumana kuPawulos malunga nendlela yokulinda ukubuya kukaYesu:
Wanga ke uThixo woxolo ngokwakhe anganingcwalisa niphelelisekile; uthi, ugqibelele owenu umoya nomphefumlo nomzimba, ugcinwe ngokungenakusoleka ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu. 1 KwabaseTesalonika 5:23 XHO75
Njengoko ucinga ngeendlela zokufumana ngakumbi uxolo olungekhoyo ebomini bakho, khumbula ukuba uxolo lokwenyaniso luvela kuThixo kuphela. Nguye kuphela onokuthatha ukophuka kwethu ngokupheleleyo kwaye adale into entsha. Kodwa njengokuba umfuna, cinga ngendlela onokwabelana ngayo ngoxolo lwaKhe nabantu abakungqongileyo.
Uxolo alunakubiwa kuthi. Uxolo nguMntu. Igama lakhe nguYesu. Kwaye njengoko sibhiyozela ukuzalwa Kwakhe ngexesha leKrisimesi, siyakhunjuzwa ukuba silinde ukubuya Kwakhe. Kodwa silinde ngenjongo, yaye silinda ngoxolo, sisazi ukuba uThixo wethu uthembekile. Ulungile. Kwaye Uluxolo olulahlekileyo imiphefumlo yethu kunye nehlabathi iludingayo ukuze iphelele.
Thandaza: Thixo, enkosi ngokuthumela uYesu njengoxolo lwethu. Ndizalise ngakumbi ngovuyo noxolo lwaKho njengoko ndithembela kuWe, kwaye undenze ndifane naWe njengoko ndilindele ukubuya Kwakho. Namhlanje ndiwaphosa kuWe onke amaxhala am, ndisazi ukuba uwakhathalele onke, kwaye nguwe wedwa onokuwathwala ngokupheleleyo. Ndikhokele njengokuba ndisiba ngumenzi woxolo, kwaye undibonise indlela yokuzisa ngakumbi uBukumkani baKho apha emhlabeni. Ngegama likaYesu, amen.
Malunga nesi Sicwangciso

Ngaba ngokwenene sinako ukuba noxolo xa ubomi bubuhlungu? Impendulo emfutshane: ewe, kodwa kungekhona ngamandla ethu. Ku nyaka osishiye siziva sixinezelekile, uninzi lwethu lushiyeke nemibuzo. Kwesi sicwangciso seBhayibhile seentsuku ezisi-7, esikhapha uthotho lwemiyalezo kaMfundisi uCraig Groeschel, siya kufumanisa ukuba singalufumana njani uXolo olulahlekileyo esilulangazelelayo sonke.
More