Umcelimngeni weeVeki ezingama-49Isampulu

Sivuyisana nawe! Ukuba usilandele sonke esi Sicwangciso, uyifunde yonke iBhayibhile! Wenze kakuhle. Ngaba uye waphawula ukuba iinxalenye ezahlukahlukeneyo zeBhayibhile zisebenza kunye? Njani? Ufunde ntoni kulo nyaka wokumamela uThixo eLizwini lakhe? Yabelana nomnye umntu ukuze umkhuthaze ukuba amazi ngakumbi uThixo ngeLizwi Lakhe.
Ukuba ufuna esinye isiCwangciso sonyaka onokusizama okulandelayo, jonga kwiSicwangciso esibizwa IBhayibhile Iphelele Ngaphantsi Konyaka. Iyafana nale, ngaphandle kokuba ilandela iTestamente eNdala ngokulandelelana kweziganeko endaweni yeTestamente eNtsha. Ukuba ufuna isantya esicothayo esisakuthatha yonke iBhayibhile, ungazama iSicwangciso esibizwa Ibhayibhile Yonke Ngaphantsi kweminyaka emi-2.
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso

Ngaba ukulungele ukuthatha ubudlelwane bakho noThixo ukuya kwinqanaba elilandelayo? Thatha umngeni weeVeki ezingama-49! Esi Sicwangciso seBhayibhile sihamba kuyo yonke iBhayibhile ngokufundwa kweTestamente eNdala neNtsha yonke imihla. Uya kulandela iTestamente eNtsha ngokulandelelana kweziganeko kunye nezahluko ezinxulumeneyo kwiTestamente eNdala ukubonisa iBhayibhile njengebali elinye elikhomba kuYesu. Rhoqo kusuku lwesixhenxe uyakunqumama ukuze ucamngce kwaye wabelane ngezinto ozifundayo.
More