KUFILEMON 1:4-6
KUFILEMON 1:4-6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ndikukhumbula emithandazweni yam, ndiluva nje olwakho uthando, nokholo onalo kuyo iNkosi uYesu, nakubo bonke abangcwele, ukuze ubudlelane bokholo lwakho bube nokusebenza ngokwazi konke okulungileyo okukuni, kuse kuKristu Yesu.
KUFILEMON 1:4-6 IBHAYIBHILE (XHO96)
Maxa onke ndithandaza, ndiyambulela uThixo ngenxa yakho. Ndiyivile kaloku indlela obathanda ngayo abantu bakaThixo, ngokunjalo nokholo onalo kwiNkosi uYesu. Umthandazo wam kukuba ubudlelane bethu enkolweni bunga bungakwenza uziqonde ngcono iintsikelelo esinazo thina bamanywe noKrestu.
KUFILEMON 1:4-6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam, ndikukhankanya emithandazweni yam ngamaxesha onke; Ndiluvile nje uthando lwakho nokholo onalo kuyo iNkosi uYesu nakubo bonke abangcwele, ukuze ubudlelane bokholo lwakho bube nokusebenza ngokwazi konke okulungileyo okukuni, okuKristu Yesu.
KUFILEMON 1:4-6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndiyabulela KUTIXO wam, ndikukankanya amaxesha onke emitandazweni yam, ndisiva nje utando lwako nokolo, olo unalo ngakuyo INKOSI u‐Yesu, nangakubo bonke abangcwele; ukuba ubudlelana bokolo lwako bube busebenza ekwaziweni kwako konke okulungileyo okukuni, busebenzela u‐Kristu Yesu.