UMATEYU 12:1-21
UMATEYU 12:1-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngelo xesha uYesu wacanda emasimini ngesabatha; baye ke abafundi bakhe belambile, baqala ukukha izikhwebu, badla. Ke kaloku abaFarisi, bakukubona oko, bathi kuye, Yabona, abafundi bakho benza oko kungavumelekileyo ukwenziwa ngesabatha. Wathi ke kubo, Aniyilesanga na into awayenzayo uDavide, xa walambayo, yena nabo babenaye; okokuba wangena endlwini kaThixo, wazidla izonka ezibekwa phambi koThixo, ekube kungavumelekile ukuba azidle yena, kwanabo babenaye, kuvumelekele ababingeleli bodwa? Anilesanga na emthethweni, ukuba ngesabatha ababingeleli etempileni bayayingcolisa isabatha, bangazeki tyala noko? Ndithi ke kuni, omkhulu kunayo itempile ukho apha. Ukuba ke nibe nikwazile ukuba kuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo, ninge ningabagwebanga abangenatyala. Kuba uNyana woMntu uyiNkosi yayo nesabatha. Esukile ke apho, waya kungena endlwini yabo yesikhungu. Kwabonakala kukho umntu owome isandla; baza bambuza, besithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? ukuze bammangalele. Wathi ke kubo, Kuni apha nguwuphi na umntu ongethi, enemvu inye, yaza yona yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole? Ubeke phi na ke umntu ukuyigqitha imvu? Ngoko ke kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabetha. Aze athi kumntu lowo, Solule isandla sakho. Wasolula, sabuya saphila ke, saba kwanjengesinye. Bathi ke abaFarisi babhunga ngaye bakuphuma, ukuze bamtshabalalise. Uthe ke uYesu, ekwazi oko, wemka apho; walandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa bonke. Wabakhalimela ukuba bangamtyhili; ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi, Yabonani, umkhonzi wam endimnyulileyo; Intánda yam okholisiweyo yiyo umphefumlo wam; Ndiya kumbeka uMoya wam phezu kwakhe, Waye eya kuzibikela iintlanga umgwebo. Akayi kuphika, akayi kunkqangaza, Akukho mntu uya kuliva izwi lakhe ezitratweni. Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula, Nomsonto oqhumayo akayi kuwucima, Ade awuphumelelisele ekoyiseni umgwebo; Kanjalo ziya kuthembela egameni lakhe iintlanga. (UIsaya 42:1-4)
UMATEYU 12:1-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngelo xesha uYesu wacanda emasimini *ngoMhla wokuPhumla baza bathi abafundi bakhe belambile, bakha izikhwebu zengqolowa, batya. *AbaFarasi, bekubona oko, bathi kuye: “Khangela, abafundi bakho benza okungavumelekanga ngoMhla wokuPhumla.” Wathi kubo: “Anizange nikufunde na awakwenzayo uDavide mhla walamba yena neqela lakhe? Kaloku wangena endlwini kaThixo, wazitya izonka ezazinikelwe kuThixo. Kanti ngokomthetho ezi zonka yena neqela lakhe babengamelwe kuzitya. Ngababingeleli kuphela ababenelo lungelo. Khona, anifundanga na *emthethweni kaMosis okokuba ababingeleli bayawaphula umthetho woMhla wokuPhumla endlwini kaThixo, bangabi natyala noko? Ke ndithi kuni, lo ulapha mkhulu kunendlu. Ukuba benisazi okokuba ithetha ukuthini na le ndawo ithi *eziBhalweni: ‘Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo,’ ngeningabagwebanga abangenatyala. Kaloku *uNyana woLuntu uyiNkosi yawo noMhla wokuPhumla.” Emkile apho uYesu, waya kungena *kwindlu yesikhungo. Apho babona umntu owome isandla. Abantu abathile, benenjongo yokummangalela uYesu, bambuza besithi: “Ngaba kuvumelekile na ukuphilisa *ngoMhla wokuPhumla?” Waza wathi kubo: “Ukuba ngaba kukho ubani kuni enegusha, yaza loo gusha yeyela emngxunyeni ngoMhla wokuPhumla, akayi kuyirhola na? Ubeke phi ke umntu ukuxabiseka kunegusha? Ngoko ke kulungile ukwenza inceba ngoMhla wokuPhumla.” Wathi ke kuloo mntu: “Solule isandla sakho.” Wasolula, saza saphila isandla sakhe, safana nesinye. Baphuma ke abaFarasi, babhunga ukumbulala uYesu. Ekwazile oko, uYesu wemka apho. UYesu walandelwa ngabantu abaninzi, waza wabaphilisa bonke, ebayala ukuba bangaxeleli bani ngaye, ukuze lizaliseke ilizwi likaThixo elathethwa *ngumshumayeli uIsaya lisithi: “Naso isiCaka sam endisinyulileyo, eso sisenyongweni kum, endikholiweyo siso. Ndosifaka uMoya wam, sizazise isigwebo iintlanga. Asiyi kuba nephike sikhwaze, lingayi kuviwa bani ezitalatweni izwi laso. Ingcongolo eyaphukileyo asiyi kuyiqhawula, nesibane esilozizayo asiyi kusicima. Siya kubuzinzisa bude bongame ubulungisa. Kananjalo iintlanga zokholosa ngaso.”
UMATEYU 12:1-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngelo xesha uYesu wacanda emasimini ngesabatha; Baye ke belambile abafundi bakhe, baqala ukukha izikhwebu, badla. Bakukubona oko abaFarasi, bathi kuye: “Khangela, abafundi bakho benza oko kungavumelekileyo ukwenziwa ngesabatha. Wathi kubo, Aniyilesanga na into awayenzayo uDavide, xa walambayo, yena nabo babenaye; okokuba wangena endlwini kaThixo, wazidla izonka ezibekwa phambi koThixo, ekube kungavumelekile ukuba azidle yena, kwanabo babenaye, kuvumelekele ababingeleli bodwa? Anilesanga na emthethweni, ukuba ngesabatha ababingeleli etempileni bayayingcolisa isabatha, bangazeki tyala noko? Ndithi ke kuni, omkhulu kunayo itempile ukho apha. Ukuba ke nibe nikwazile ukuba kuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo, ninge ningabagwebanga abangenatyala. Kuba uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha. Esukile ke apho, waya kungena endlwini yabo yesikhungu. Kwabonakala kukho umntu owome isandla; Baye ke bembuza besithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? ukuze bammangalele. Wathi kubo, Nguwuphi na umntu kuni ongathi, enegusha enye, yaza ukuba yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole? Ubeke phi na ke umntu ukuyigqitha imvu? Ngoko ke kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabatha. Athi kuloo mntu, Solule isandla sakho. Wasolula; yabuya yaphila, ifana neyawo. Baza baphuma abaFarisi benza ibhunga ngaye lokuba bamtshabalalise. Uthe ke uYesu, ekwazi oko, wemka, apho; walandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa bonke. Wabakhalimela ukuba bangamtyhili; ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi, Mboneni ke umkhonzi wam endimnyulileyo; intanda yam okholisiweyo yiyo umphefumlo wam; ndiya kumbeka uMoya wam phezu kwakhe, waye eya kuzibikela iintlanga umgwebo. Akayi kuphika, akayi kunkqangaza; Akukho bani uya kuliva ilizwi lakhe ezitratweni. Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula, nomsonto oqhumayo akayi kuwucima, ade awuphumelelisele ekoyiseni umgwebo; Kaloku ziya kuthembela egameni lakhe iintlanga.
UMATEYU 12:1-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NGELOXESHA wacanda u‐Yesu emasimini ngemini yesabata: baza abadisipile bake balamba, baqala ukuka izikwebu, nokutya. Koko abafarisi, bakubona oko, bati kuye: Bona ke, abadisipile bako bayakwenza oko ekungafanelekile ukukwenza ngesabata. Waza wati kubo: Anileseshanga na into wayenzayo u‐Davide, okuya wabelambile yena nabo babenaye; okokuba wangena endlwini KATIXO, watya izonka zokubonakala, ekube kungafanelekile kuye ukuzitya, kwa nakubo ababenaye, kupela bekufanelekile kubaperisite bodwa? Kanjalo anileseshanga emtetweni na, ukuba ngemini yesabata abaperisite etempileni bayapula isabata, bengazeki tyala noko? Kekaloku nditi kuni: Uko apa omkulu kuyo itempile. Kodwa ukuba benikwazile ukuba kuti nina, — Ndiyafuna ububele, andifuni umbingo; ngeningagwebanga abangenatyala. Ngokuba unyana wesintu eyinkosi yesabata nayo. Waza esukile apo waya wangena endlwini yentlanganiso yabo. Kekaloku bona ke, bekuko umntu enesandla esishwabeneyo: baza bambuza, besiti: Kufanelekile na ngemini yesabata ukupilisa? ukuze bamnike ityala. Wayesiti kubo: Woba nguwupina kuni engumntu, oya kuba nayo igusha, ongayi kuti, nxa yeyele le emnxu̔nyeni ngemini yesabata, ayibambe yona ayinyuse? Kungento engakananina pofu umntu agqitisele igusha? Kwa njalo ke kufanelekile ngemini yesabata ukwenza okulungileyo. Wandula wati emntwini: Yolula isandla sako. Wayesolula ke, saza sabuya senziwa sipilile njengesinye. Baza bapuma abafarisi bacebisana ngakuye, ukuze bambubise. Kodwa u‐Yesu wakwazi oko, wemka apo: zaza zamlandela izihlwele ezininzi, wabapilisa bonke abafayo, wabayala ukuba mabangamtyili; kuze kuzaliseke oko kwatetwayo ngu‐Yisaya umprofite, esiti: Kangela isicaka sam, endisinyulileyo; umtandwa wam, oti umpefumlo wam ukoliswe nguye; ndobeka UMOYA wam pezu kwake, nesigwebo uya kusishumayela kubaheyideni. Akayi kupika, akayi kudanduluka kanjako; aliyi kuviwa mntu nasezitarateni ilizwi lake. Ingcongolo etyumzekileyo akayi kuyapula, nomsonto wesibane oqu̔mayo akayi kuwucima, ade aku̔pe isigwebo ngokwoyisa: nasegameni lake abaheyideni baya kutemba.