Ngelo xesha uYesu wacanda emasimini ngesabatha; Baye ke belambile abafundi bakhe, baqala ukukha izikhwebu, badla. Bakukubona oko abaFarasi, bathi kuye: “Khangela, abafundi bakho benza oko kungavumelekileyo ukwenziwa ngesabatha. Wathi kubo, Aniyilesanga na into awayenzayo uDavide, xa walambayo, yena nabo babenaye; okokuba wangena endlwini kaThixo, wazidla izonka ezibekwa phambi koThixo, ekube kungavumelekile ukuba azidle yena, kwanabo babenaye, kuvumelekele ababingeleli bodwa? Anilesanga na emthethweni, ukuba ngesabatha ababingeleli etempileni bayayingcolisa isabatha, bangazeki tyala noko? Ndithi ke kuni, omkhulu kunayo itempile ukho apha. Ukuba ke nibe nikwazile ukuba kuthini na ukuthi, Ndithanda inceba, andithandi mbingelelo, ninge ningabagwebanga abangenatyala. Kuba uNyana woMntu lo uyiNkosi yayo nesabatha. Esukile ke apho, waya kungena endlwini yabo yesikhungu. Kwabonakala kukho umntu owome isandla; Baye ke bembuza besithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? ukuze bammangalele. Wathi kubo, Nguwuphi na umntu kuni ongathi, enegusha enye, yaza ukuba yeyela emhadini ngesabatha, angayibambi ayirhole? Ubeke phi na ke umntu ukuyigqitha imvu? Ngoko ke kuvumelekile ukwenza okulungileyo ngesabatha. Athi kuloo mntu, Solule isandla sakho. Wasolula; yabuya yaphila, ifana neyawo. Baza baphuma abaFarisi benza ibhunga ngaye lokuba bamtshabalalise. Uthe ke uYesu, ekwazi oko, wemka, apho; walandelwa ngabantu abaninzi; wabaphilisa bonke. Wabakhalimela ukuba bangamtyhili; ukuze kuzaliseke okwathethwayo ngoIsaya umprofeti, esithi, Mboneni ke umkhonzi wam endimnyulileyo; intanda yam okholisiweyo yiyo umphefumlo wam; ndiya kumbeka uMoya wam phezu kwakhe, waye eya kuzibikela iintlanga umgwebo. Akayi kuphika, akayi kunkqangaza; Akukho bani uya kuliva ilizwi lakhe ezitratweni. Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula, nomsonto oqhumayo akayi kuwucima, ade awuphumelelisele ekoyiseni umgwebo; Kaloku ziya kuthembela egameni lakhe iintlanga.