UYEREMIYA 45:3-4
UYEREMIYA 45:3-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngokuba uYehova wongeza isingqala kumvandedwa wam; ndidiniwe kukuncwina kwam, andifumani kuphumla. Yithi ke kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, into endiyakhileyo ndiyayigungxula, into endiyityeleyo ndiyayinyothula; lihlabathi lonke ke elo.
UYEREMIYA 45:3-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wena wakhala usithi: ‘Hayi umntu endinguye! UNdikhoyo usuke wongezelela isingqala kwintlungu yam. Ndiqobekile zizincwino; andifumani kuphumla.’ “Utsho ke uNdikhoyo kuwe, Bharuki, ukuthi: ‘Oko ndikwakhileyo ndobuya ndikudilize, ndibuye ndikuncothule noko ndikutyalileyo. Kuya kuba njalo ke emhlabeni wonke.
UYEREMIYA 45:3-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ubusithi, Yeha ke mna! ngokuba uYehova wongeze isingqala kumvandedwa wam; Ndidiniwe kukuncwina kwam, andifumani kuphumla. Uze uthi kuye, ‘Utsho uYehova; Yabona, into endiyakhileyo ndiyayigungxula, into endiyityeleyo ndiyayigungxula, nalo lonke ilizwe
UYEREMIYA 45:3-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ubusiti: Hai ke ubunzima bam! ngokuba UYEHOVA elwongezile usizi ebuhlungwini bam; ndidiniwe kukugula kwam, nokupumla andikufumani. Uya kutsho kuye ukuti: UYEHOVA utsho ukuti: Bona ke, oko ndikwakileyo ndokucita, noko ndikutyalileyo ndokudonyula, kwa lonke elilizwe.