IZIKRONIKE II 15:2 - Compare All Versions

IZIKRONIKE II 15:2 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Waphuma, esiya kukhawulela uAsa, wathi kuye, Ndiphulaphuleni, Asa, nani nonke maYuda namaBhenjamin; uYehova unáni ekubeni ninaye; ukuba nithe namquqela, nomfumana; ukuba nithe namshiya, wonishiya nani.

IZIKRONIKE II 15:2 XHO96 (IBHAYIBHILE)

waza wanduluka waya kuAsa, wafika wathi kuye: “Khanindiphulaphule, Asa, nani nonke maJuda namaBhenjamin! Niyabona, *uNdikhoyo uba nani xa nani ningakuye. Xa nizondelela ukumfuna nomfumana; kodwa ke xa nithe namshiya, naye wonishiya.

IZIKRONIKE II 15:2 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Waphuma, esiya kukhawulela uAsa, wathi kuye, Ndiphulaphuleni, Asa, nani nonke maYuda namaBhenjamin; uYehova unani ekubeni ninaye; ukuba uthe wamfuna, womfumana; ukuba nithe namshiya, wonishiya nani.

IZIKRONIKE II 15:2 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

waza wapuma ukuya kuhlangabeza u‐Asa, wati kuye: Ndipulapuleni, Asa, nabo bonke o‐Juda no‐Benjamine! UYEHOVA woba nani, nxa niman’ ukuba naye; kanjalo ukuba niyamfuna, uya kufunyanwa nini; kanti ukuba niyamshiya, uya kushiya nina.