Umfazi wanikwa amaphiko amabini okhozi olukhulu, ukuze aphaphazele aye entlango, endaweni yakhe, apho anqakwa khona ixesha, namaxesha, nesiqingatha sexesha, kude nobuso benyoka. Inyoka yakhupha emlonyeni wayo amanzi anjengomlambo emva komfazi, ukuze imkhukulise nomlambo. Waza umhlaba wamncedisa umfazi, waza umhlaba wawuvula umlomo wawo, wawuginya umlambo eyawukhuphayo inamba emlonyeni wayo.
Funda IsiThyilelo 12
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IsiThyilelo 12:14-16
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo