NGOKU. Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho, Likukukhanya emendweni wam. Ndikufungele, ndikumisile, ndathi, Izigwebo zobulungisa bakho ndiya kuzigcina. Nditshutshiswa kakhulu; Yehova, ndiphilise ngelizwi lakho. Yehova, yamkele iminikelo yokuzithandela yomlomo wam, Undifundise imigwebo yakho. Umphefumlo wam uhlala usesandleni sam, Ndingawulibali umyalelo wakho. Abangendawo bandithiyele ngesibatha, Noko ke andityekanga emithethweni yakho. Icebo lakho ndililifa kwamsinyane, Ngokuba kuluvuyo lwentliziyo yam. Ndiyibeke intliziyo yam ekwenzeni imithandazo yakho rhoqo, kude kube sekupheleni.
Funda Iindumiso 119
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Iindumiso 119:105-112
5 Iintsuku
Ukufumana imbuyekezo esikelelekileyo neninzi kuqala ngokuzixhobisa kakuhle. Okokuba ungumKrestu omtsha, akukho kuzixhobisa kukhulu unokukwenza kukholo lwakho ngaphezu kokukholosa ngokwamkela iLizwi likaThixo. Qala apha ukuze uncedeka ukuliFunda, uliQonde kwaye uliSebenzise ngamandla yonke imihla.
11 Iintsuku
Esi sicwangciso sokufunda seentsuku ezilishumi elinanye sikufundisa iNdumiso ye-119, esesona sahluko side eBhayibhileni nesiyintetho ephuma entliziyweni ngothando lweLizwi likaThixo. Thandaza nomdumisi ukuze ufumane ukuqonda kunye nezikhokelo njengokuba ucamgca ngobuhle kunye namandla ezibhalo ezingcwele. Esi sicwangciso siphuhliswe yiYouVersion.
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo