Baye bona ababhali, ababehle bevela eYerusalem, besithi, UnoBhelezebhule; Wababizela kuye, wathetha nabo ngemizekeliso, esithi, Angathini na uSathana ukukhupha uSathana? Nobukumkani, ukuba buthe bahlulelana bodwa, abunako ukuma obo bukumkani; nendlu, ukuba ithe yahlulelana yodwa, ayinako ukuma loo ndlu; NoSathana, ukuba uthe wazichasa ngokwakhe, wahlulelana yedwa, akanako ukuma, uphelile. Akukho bani unako ukungena endlwini yegorha elo, ayiphange impahla yalo, ukuba akathanga tanci alibophe igorha elo; andule ke ukuyiphanga indlu yakhe. Inene ndithi kuni, Zonke izono baya kuzixolelwa oonyana babantu, kwanezinyeliso abasukuba benyelisa ngazo; Ke yena othe wanyelisa uMoya oyiNgcwele, akanako ukuxolelwa naphakade; unetyala lokugwetywa okungunaphakade. Kuba besithi, Unomoya ongcolileyo. Bafika ngoko abazalwana bakhe nonina, bema ngaphandle, bathumela kuye bembiza. Zaye izihlwele zihleli zimphahlile; bathi kuye, Nanku unyoko nabazalwana bakho ngaphandle, bekufuna. Wabaphendula wathi, Ngubani na uma? Ngoobani na nabazalwana bam? Akuba ebasingasingile ngeenxa zonke ababehleli bemphahlile, wathi, Nanku uma nabazalwana bam. Kuba othe wakwenza ukuthanda kukaThixo, lowo ngumzalwana wam, nodade wethu, noma.