uYohane 14:16-20

uYohane 14:16-20 CXB24

Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade. uMoya wenyaniso; lowo ihlabathi lingenako ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi, ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni. Andiyi kunishiya niziinkedama; ndiyeza kuni. Liselilifutshane ixesha, ukuze ihlabathi lingabi sandibona; ke nina niyandibona; ngokuba ndisidla ubomi mna, nani niya kudla ubomi. Ngaloo mini niya kwazi nina ukuba ndikuye uBawo, nani nikum, nam ndikuni.