Ngomnyaka wesithathu wobukumkani bakhe wabenzela isidlo abathetheli bakhe nabakhonzi bakhe; Igunya lamaPersi namaMedi, nabathetheli, nabathetheli bamazwe, baphambi kwakhe; Ekubonakaliseni kwakhe ubutyebi obuzukileyo bobukumkani bakhe, nobuqaqawuli bobungangamsha bobuhle bakhe imihla emininzi, eziintsuku ezilikhulu elinamanci asibhozo anesibini. Ekupheleni kwaloo mihla, ukumkani wabenzela isidlo bonke abantu ababeseShushan komkhulu iintsuku zasixhenxe, kwathabathela koyena mkhulu kwesa komncinane, entendelezweni yomyezo wendlu yokumkani; Amawunduwundu aba ke ngelinen ecikizekileyo, nemfusa, ebotshelelwe emakhonkcweni esilivere, neentsika zemarmore emhlophe
Funda uEstere 1
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: uEstere 1:3-6
4 Iintsuku
Ibali elinamandla kakhulu likaEstere, eliphononongwa kwesi sicwangciso sokufunda seentsuku ezi4, lixela into eza kwenzeka ekuyindlela uYesu ngokwakhe awathi wazenza idini ngayo ukuze asisindise.Noxa igama likaThixo lingakhankanywa kule ncwadi, ulawulo lwakhe lweziganeko alunakuphikiswa, kwaye ubunganga nokuzidela kukaEstere kubonisa uthando lukaThixo nomsebenzi wakhe wokuzisa ithemba ehlabathini.
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo