Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo. Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi. Kuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imimoya ekhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo. Ngoko ke, qubulani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukuchasa ngomhla ombi, nithi nikufezile konke, nime nimi. Yimani ngoko, nibhinqe inyaniso esinqeni senu, ninxibe isigcina-sifuba sobulungisa; Nibophe ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo. Ngaphezu kweento zonke, qubulani ikhaka lokholo, enothi ngalo nibe nako ukuzicima zonke iintolo ezinomlilo zongendawo. Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nalo ikrele loMoya, elililizwi likaThixo; ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele; nakum, ukuze ndilinikwe ilizwi lokuba ndiwuvule umlomo wam ngokungafihlisiyo, ukuyazisa imfihlelo yeendaba ezi zilungileyo; endisisigidimi ngenxa yazo ndisezintanjeni; ukuze ndithethe ngako ukungafihlisi, njengoko ndimelwe kukuthetha ngako.
Funda Kwabase-Efese 6
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: Kwabase-Efese 6:10-20
5 Days
Every day, an invisible war rages around you—unseen, unheard, yet felt throughout your life. A devoted, devilish enemy seeks to wreak havoc on everything that matters to you: your heart, your mind, your marriage, your children, your dreams, your destiny. His battle plan depends on catching you unaware and unarmed. If you're tired of being pushed around and caught with your guard down, this study is for you.
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo