Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 5:5-11

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Roma 5:5-11 XHO1902A

liti ke itemba lingadanisi, ngokokuba utando LUKATIXO lugalelwe ezintliziyweni zetu NGUMOYA OYINGCWELE owanikwa kuti. Ngokuba u‐Kristu, nxa sibe sisaswele amandla tina, ngexesha elifanelekileyo wafela abangabedeshiyo. Ngokuba cebetshu kukohlwa kubako oya kufela olungileyo: noko kungati umhlaumbi kuko okwa nokukalipa ukufela lowo obubele. Kodwa UTIXO uyabonakalisa olwake utando ngakuti, ngokokuba, nxa sibe sisengaboni tina, u‐Kristu wasifela. Siya kuti kakulu ngakumbi ngoko, sigwetyelwe nje kaloku ngegazi lake, sisindiswe ngaye emsindweni ozayo. Ngokuba, sizintshaba nje, ukuba saxoliswana NOTIXO ngako ukufa kwonyana wake, siya kuti kakulu ngakumbi, sixoliswene nje, sisindiswe ngobomi bake. Kungenjalo ke kodwa, koko kanjako sivuyelela KUTIXO ngayo INKOSI yetu u‐Yesu Kristu, esite ngayo kaloku samkela uxoliswano.