U‐Jobi 35
35
1WABUYA wapendula u‐Elihu, wati:
2Oku ke uyabala ngokuba kokufaneleyo na, ukuba ute: Ubulungisa bam bupezu kwo bukatixo? 3Ngokuba ubusiti: Bondinceda nto nina? ndiya kuzuza nto nina ngapezu kwendizuza ngesono sam? 4Ndiya kukunika impendulo, nabahlobo bako kunye nawe.
5Beka ngasezulwini, ubone ke; uze ukangele amafu apezulu kuwe. 6Ukuba wonile, uyenza nto nina ngakuye? nxa izigqito zako zininzi, umenzela nto nina? 7Ukuba ulungile, kuyinto nina uyinika kuye? okanye, uyamkela nto nina esandleni sako? 8Ubumenemene bako bungona umntu onjengawe, nobulungisa bako bunganceda unyana woluntu.
9Ngenxa yobuninzi bembandezelo abantu bayakala; bayamemeza ngenxa yengalo yabakulu. 10Kanti akuko oti: Upina utixo umenzi wam, onikayo amaculo ebusuku; 11osifundisileyo ngapezu kwezilo zomhlaba, wasenza sigqite intaka zezulu ngobulumko? 12Apo ke bayakala, kodwa akapenduli, ngenxa yer̔atshi labakohlakeleyo. 13Okunene okungendawo utixo akayi kukuva, nosomandla akayi kukubona. 14Kancinane kangakanana ngakumbi nxa uti akuyi kumbona! ityala lipambi kwake; ngako mlinde yena. 15Kodwa kaloku, ngokuba ingqumbo yake ingohlwayi, nokuba engagqali isigqito kakulu; 16ngako u‐Jobi ufumana avule umlomo wake; amazwi uyawandisa ngokungenakwazi.
Ekhethiweyo ngoku:
U‐Jobi 35: XHO1902A
Qaqambisa
Yabelana
Kopa
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.