IINDUMISO 134

134
Umhobe wangokuhlwa
Iculo labahambi.
1Yizani nimbonge nimncome *uNdikhoyo,
nonke nina zicaka zakhe,
nina nonke nima bume ebusuku,
nisebenza endlwini kaNdikhoyo.
2Ziphakamiseleni esibingelelweni izandla zenu,
nimbonge nimncome uNdikhoyo.
3UNdikhoyo, umenzi wamazulu nehlabathi,
wanga angakuthamsanqela eseZiyon.

Ekhethiweyo ngoku:

IINDUMISO 134: XHO96

Qaqambisa

Kopa

Thelekisa

Yabelana

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena