Awu, ndiphelelwe, ndiyimvuthuluka; ndihlaziye ngokwesithembiso sakho. Undivile ndakuzandlala; nceda undifundise imithetho yakho. Ndifundise amasolotya emimiselo yakho, khon' ukuze ndicamngce ngemimangaliso yakho. Iinzingo ziwuvikivile umoya wam; khawundomeleze ngokwelizwi lakho. Ndihlangule kuyo inkohliso; ewe, ndibabale undifundise imiyalelo yakho. Ndenze isigqibo sokuba ndinyaniseke; ndizimisele ukusithobela isigwebo sakho. Ndinamathele kwizithethe zakho, *Ndikhoyo, ngoko ke mandingaphoxeki. Ndiya kuhamba ngokwemiqathango yakho, kuba wena uyivulile ingqiqo yam. Awu, *Ndikhoyo, ndifundise imithetho yakho, ukuze ndihlale ndiyithobela maxa onke. Ndivule ingqondo, ndiwuthobele umyalelo wakho; ndiya kuwulandela ngomxhelo wam wonke. Ndikhokele ngeziyalo zakho, kuba zona ziligugu lam. Intliziyo yam mayinxanele imfundiso yakho ndaweni yokusukelana nenzuzo yobuqhophololo. Ndincede ndingalibali zizinto eziphuthileyo; mandiphile ngokwenza ukuthanda kwakho. Idinga lakho malifezekiswe kum, mna sicaka sakho; kaloku lelâbo bakuthobelayo. Ndihlangule ezenyelisweni, kuba ndiyazoyika; ke zona izigqibo zakho zifezekile. Ewe, andiziva ngemimiselo yakho; ndihlaziye ngobulungisa bakho.
Funda IINDUMISO 119
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IINDUMISO 119:25-40
11 Iintsuku
Esi sicwangciso sokufunda seentsuku ezilishumi elinanye sikufundisa iNdumiso ye-119, esesona sahluko side eBhayibhileni nesiyintetho ephuma entliziyweni ngothando lweLizwi likaThixo. Thandaza nomdumisi ukuze ufumane ukuqonda kunye nezikhokelo njengokuba ucamgca ngobuhle kunye namandla ezibhalo ezingcwele. Esi sicwangciso siphuhliswe yiYouVersion.
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo