“Inene, lowo ungangeniyo ngesango esibayeni seegusha, kodwa usuka angene ngandawo yimbi, ulisela nesihange. Ke lowo ungena ngesango, ngumalusi wazo iigusha. Umgcini-sango uyamvulela lowo. Iigusha zakhe ziyaliva izwi lakhe. Uzibiza ngamagama azo, azikhokelele phandle. Akuba ezikhuphile esibayeni iigusha zakhe, uhamba phambi kwazo, zize zimlandele, kuba ziyalazi izwi lakhe. Omnye umntu azingekhe zimlandele. Zosuka zimbaleke, kuba azilazi izwi lowasemzini.” UYesu wabenzela lo mzekeliso, kodwa bona babengayiqondi into awayeyithetha kubo. Wabuya wathetha nabo uYesu, wathi: “Ndithi kuni, inene, ndim isango lesibaya seegusha. Iigusha zange zibaphulaphule bonke abathe bafika ngaphambi kwam, kuba babengamasela nezihange. Ndim isango; othe wangena ngam wosindiswa. Wongena ephuma, atye anele. Isela lizele kuphela ukuba libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuba abantu babe nobomi, obona bupheleleyo. “Mna ndingumalusi olungileyo. Umalusi olungileyo ubuncamela iigusha zakhe ubomi bakhe.
Funda UYOHANE 10
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UYOHANE 10:1-11
7 Days
Amy Groeschel has written this seven-day Bible Plan in hopes it will be taken as straight from our loving Father’s heart to yours. Her prayer is that it teaches you to avoid the opposing clamor and awakens you to focus on His voice.
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo