KUMAHEBHERE 12:1-3

KUMAHEBHERE 12:1-3 XHO96

Ngoko ke, thina siphahlwe ngamangqina amaninzi kangaka nje, masiyilahle ke yonke into enokusibambezela, ingakumbi isono, kuba sona siyarhintyela. Masingene kolu gqatso luphambi kwethu sizimisele. Amehlo ethu makathi ntsho kuYesu; kaloku síxhomekeke kuye isiqalo ndawonye nekamva lokholo lwethu. Ewe kaloku, yena wathi, ngenxa yenyhweba eyayimlindele, wawunyamezela umnqamlezo, walidela nehlazo lawo; kungokunje uhleli ewongeni kwibhotwe likaThixo. Ngenene mkhumbuleni yena, kuba wamelana nayo yonke inkcaso yaboni. Xa nisenjenjalo ke niya kukhuthala ningatyhafi.