Ngesisa endisenzelwe nguThixo ndasibeka isiseko ngokwegcisa lomakhi. Omnye ke wakha phezu kwaso. Elowo ke makayigqale indlela akha ngayo phezu kwesi siseko. Kaloku akukho bani unokubeka siseko simbi ngaphandle kweso sabekwa nguThixo, eso ke singuYesu onguKrestu. Kunokwakhiwa ngezinto ezahluka-hlukeneyo phezu kwesi siseko. Kunokwakhiwa ngegolide, ngesiliva, nangamatye anqabileyo; kunokwakhiwa ngamaplanga, ngengca, nangeendiza. Umsebenzi womntu ngamnye uya kucaca ngemini yomgwebo, kuba ngaloo mini umlilo uya kuwubonakalisa umsebenzi womntu ngamnye, uphicothe ubunjani bawo. Ukuba into akhe ngayo umntu phezu kwesi siseko ayitshanga, uya kwamkela umvuzo. Ke ukuba ithe yatsha, umntu lowo wolahlekelwa ngumvuzo; ke yena ngokwakhe wosindiswa, kodwa ke ange ucande emlilweni.
Funda 1 KWABASEKORINTE 3
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: 1 KWABASEKORINTE 3:10-15
12 Days
Everyone wants to know what true love is. But few people look at what the Bible says about love. Love is one of the central themes of Scripture and the most essential virtue of the Christian life. This plan from Thistlebend Ministries explores the biblical meaning of love and how to love God better and love others.
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo