IINDUMISO 125

125
UYehova ubajikelezile abantu bakhe
Ingoma yezinyuko.
1Abo bakholosa ngoYehova banjengentaba yaseZiyon:
Ayishukumi, ihleli ngonaphakade.
2IYerusalem ijikelezwe ziintaba;
Ke uYehova ubajikelezile naye abantu bakhe,
Kususela ngoku kude kuse ephakadeni.
3Ngokuba ayiyi kuhlala intonga yokungendawo elifeni lamalungisa,
Ukuze amalungisa angazisí ebugqwetheni izandla zawo.
4Yehova, yenza okulungileyo kwabalungileyo,
Kwabathe tye ezintliziyweni zabo.
5Ke bona abathi gu bucala ngeendlela zabo ezimagoso-goso,
UYehova makabemkise, kunye nabasebenzi bobutshinga.
Malube luxolo kuSirayeli.

Ekhethiweyo ngoku:

IINDUMISO 125: XHO75

Qaqambisa

Kopa

Thelekisa

Yabelana

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena