IINDUMISO 120

120
Umthandazo wokuchasa abakhohlisi
Ingoma yezinyuko.
1Engxingongweni yam ndakhala kuYehova,
Wandiphendula.
2Ndathi, Wuhlangule, Yehova, umphefumlo wam emlonyeni oxokayo,
Elulwimini olunenkohliso.
3Makakunike ntoni na, akòngeze ntoni na,
Lulwimindini lunenkohliso?
4Iintolo zegorha ezitsolo,
Kunye namalahle avuthayo onwele.
5Athi ke mna! Kuba ndingumphambukeli kwaMesheki,
Ndihleli ngasezintenteni zakwaKedare.
6Umphefumlo wam kade uhleli
Nabaluthiyileyo uxolo.
7Mna ndingowoxolo;
Ke ndithi ndakuthetha, bona babe yimfazwe.

Ekhethiweyo ngoku:

IINDUMISO 120: XHO75

Qaqambisa

Kopa

Thelekisa

Yabelana

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena