Hayi, uyolo lwabandlela igqibeleleyo, Bona bahambayo ngomyalelo kaYehova! Hayi, uyolo lwababambe izingqiniso zakhe, Abamquqelayo ngentliziyo epheleleyo! Àbasebenzi nokusebenza bugqwetha, Bayahamba ngeendlela zakhe. Ùzimisile iziyalezo zakho, Ukuba zigcinwe kunene. Azaba iindlela zam bezibhekiselwe Ukugcina imimiselo yakho! Bendingayi kudana ke Ekubhekeni kwam kwimithetho yakho yonke. Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo ethe tye, Ekuzifundeni kwam izigwebo zobulungisa bakho. Ndiya kuyigcina imimiselo yakho, Musa ukundishiya kuphele. Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe? Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho. Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke; Musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho.
Funda IINDUMISO 119
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IINDUMISO 119:1-10
11 Iintsuku
Esi sicwangciso sokufunda seentsuku ezilishumi elinanye sikufundisa iNdumiso ye-119, esesona sahluko side eBhayibhileni nesiyintetho ephuma entliziyweni ngothando lweLizwi likaThixo. Thandaza nomdumisi ukuze ufumane ukuqonda kunye nezikhokelo njengokuba ucamgca ngobuhle kunye namandla ezibhalo ezingcwele. Esi sicwangciso siphuhliswe yiYouVersion.
2 Weeks
Jesus Himself said anyone who loves Him will obey His teaching. No matter what it costs us personally, our obedience matters to God. The "Obedience" reading plan walks through what the Scriptures say about obedience: How to maintain a mindset of integrity, the role of mercy, how obeying frees us and blesses our lives, and more.
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo