Ukuba kukuhlàngule endleleni embi, Kubantu abathetha impenduka; Kwabashiya umendo wokuthe tye, Ukuze bahambe ngeendlela zobumnyama; Kwabavuyela ukwenza ububi, Bagcobe ngeempenduka zabenza ububi; Abamendo ujibilizayo, Abathi gu bucala ngemikhondo yabo; Ukuze uhlangulwe kumkamntu, Kowolunye uhlanga, ontetho yakhe igudileyo; Lowo ushiya ikholwane lobutsha bakhe, Awulibale umnqophiso woThixo wakhe. Kuba útshona ekufeni nendlu yakhe, Nemikhondo yakhe itshonela kwabangasekhoyo; Bonke abangénayo kuye ababuyi, Abafiki kumendo wobomi: Ukuze uhambe ngendlela yabalungilyo, Ugcine umendo wamalungisa. Ngokuba abathe tye baya kulíma ilizwe, Basale kulo abagqibeleleyo, Banqunyùlwe ezweni abangendawo, Abanginizayo bancothulwe kulo.
Funda IMIZEKELISO 2
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IMIZEKELISO 2:12-22
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo