Nyana wam, ukuba uthe wazamkela iintetho zam, Wayiqwebela kuwe imithetho yam, Ukuze uyibazele ubulumko indlebe yakho, Uyithobele ukuqonda intliziyo yakho; Ewe, ukuba uthe wayibiza ingqondo, Walisa ekuqondeni ilizwi lakho; Ukuba uthe wabufuna njengesilivere, Wabumba njengobutyebi obuselelweyo: Ùya kwandula ukukuqonda ukoyika uYehova, Ukufumane ukumazi uThixo, Ngokuba uYehova upha ubulumko; Emlonyeni wakhe kuphuma ukwazi nokuqonda. Ubaqwebela uzimaso abathe tye, Uyingweletshetshe kwabahamba ngengqibelelo, Ukuze alondoloze umendo wesiko, Agcine nendlela yabakhe benceba. Ùya kwandula uqonde ubulungisa, Nesiko, nokuthe tye, nayo yonke imikhondo yokulungileyo; Kuba ubulumko buya kungena entliziyweni yakho, Ukwâzi kwenze mnandi umphefumlo wakho. Ukunkqangiyela kókugcina, Ukuqonda kókulondoloza
Funda IMIZEKELISO 2
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IMIZEKELISO 2:1-11
5 Iintsuku
Ukufumana imbuyekezo esikelelekileyo neninzi kuqala ngokuzixhobisa kakuhle. Okokuba ungumKrestu omtsha, akukho kuzixhobisa kukhulu unokukwenza kukholo lwakho ngaphezu kokukholosa ngokwamkela iLizwi likaThixo. Qala apha ukuze uncedeka ukuliFunda, uliQonde kwaye uliSebenzise ngamandla yonke imihla.
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo