UMATEYU 1:6-17

UMATEYU 1:6-17 XHO75

uYese wazala uDavide ukumkani. UDavide ke ukumkani wazala uSolomon ngobengumkaUriya; uSolomon wazala uRehabheham; uRehabheham wazala uAbhiya; uAbhiya wazala uAsa; uAsa wazala uYoshafati; uYoshafati wazala uYoram; uYoram wazala u-Uziya; u-Uziya wazala uYotam; uYotam wazala uAhazi; uAhazi wazala uHezekiya; uHezekiya wazala uManase; uManase wazala uAmon; uAmon wazala uYosiya; uYosiya wazala uYekoniya nabazalwana bakhe ngexesha lokufuduselwa kwabo eBhabhilon.• Emveni ke kokufuduselwa kwabo eBhabhilon, uYekoniya wazala uSalatiyeli; uSalatiyeli wazala uZerubhabheli; uZerubhabheli wazala uAbhihudi; uAbhihudi wazala uEliyakim; uEliyakim wazala uAzore; uAzore wazala uTsadoki; uTsadoki wazala uYakin; uYakin wazala uElihudi; uElihudi wazala uElazare; uElazare wazala uMatan; uMatan wazala uYakobi; uYakobi ke wazala uYosefu, indoda kaMariya, ekuthe ngaye kwazalwa uYesu, okuthiwa nguKristu.• Zonke izizukulwana ngoko, ezithabathela kuAbraham zizise kuDavide, zizizukulwana ezilishumi elinaziné; nezithabathela kuDavide zizise ekufuduselweni kwabo eBhabhilon, zizizukulwana ezilishumi elinaziné; nezithabathela ekufuduselweni kwabo eBhabhilon zizise kuKristu, zizizukulwana ezilishumi elinaziné.